Ilandulele eli intwazana yakuQumbu ebinesifo samathambo esinqabileyo 

Ngu Songeziwe Mapukata

Kuleminyaka mibini idlulileyo uYamkela Seplane ubelwisana nesifo esinqabileyo, egcuma ziintlungu kwaye ingalo yakhe idumba. 

UYamkela Seplane oyintombazanana ebize ngobuso ezweni ulandulele eli eneminyaka elishumi elinesihlanu, ngenxa yesifo samathambo esinqabileyo. 

Ngenyanga yeNkanga, iqonga leendaba iScrolla.Africa lapapasha ingxelo yokuba uYamkela wanyanzeleka ukuba ayeke phakathi esikolweni eShawburry High kuQumbu, emva kokufunyaniswa nesifo samathambo esinqabileyo engalweni yakhe.  

Noxa kunjalo, undonakele waqala ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yeNkanga ngonyaka ka2021, ngelixa isebe lezempilo lindwendwele esikolweni sakhe eShawbury High kuQumbu liye kugoma abafundi.  

Ngaloo njikalanga, ingalo yakhe yaqalisa ukudumba. 

Intlungu nokudumba kwengalo yakhe kwamenza ayeke ukunxiba ezona lokhwe zakhe azithandayo, wayeka ukwenza izinto azithandayo kunye nokuchitha ixesha nabahlobo bakhe.  

Ngenxa yemeko yesigulo anaso, uYamkela wathunyelwa kwisibhedlele iFere Hospital eMonti ukuze kwenziwe uphando oluphangaleleyo ngesigulo sakhe akwazi nokufunyanelwa amachiza. Kwakunyanzelekile ukuba anyangwe ligqiza loogqirha bamacanndelo ohlukeneyo, kuquka abaphanda ngamachiza esifo somhlaza, abongikazi becandelo elikhethekileyo kunye nonontlalontle.  

Ngelixesha, usapho lwakhe lwalufumana ululeko lwengqondo ukuze lukwazi ukuhlangabezana ngcono nemeko yakhe.  

Isithethi sesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa uYonela Dekeda uthe akukho bungqina bobudlelwane phakathi kwesigulo sikaYonela nesigomo seCovi-19 awasifumana ngonyaka ka2021.  

“Singaqinisekisa ukuba iinkonzo zoluleko nokuncedisana nosapho zanikezelwa kusapho kwisibhedlele iFrere Hospital, bachazelwa nangeziphumo zophando ezenziwa ligqiza elijongene nemeko ezingaqhelekanga ezinokubangelwa sesisigomo, ezabuya zibonakalisa ukuba akukho budlelwane phakathi kwesifo anaso nesigomo sentsholongwane yeCovid-19,” utshilo.  

UDekeda uvakalise umothuko nokudakumba zindaba zokusweleka kuka Yamkela kuba bebekholelwa ukuba uchacha kuhle ngamachiza awafumanayo. Uthumele amazwi ovelwano asuka kwisebe esiya kusapho ngokubanzi.  

UYamkela ulandulele eli ngenjikalanga yangoMvulo kwisibhedlele iSulenkama kuQumbu, kwaye usapho lwakhe luqinisekisile ukuba amalungiselelo omngcwabo ayaqhuba.  

Umfanekiso ongasentla: UYamkela Seplane osweleke ebutsheni baleveki 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe