Kukusindisa intombi yakhe kuYise osisidlwengu kuphela komnqweno anawo

Ngu Songeziwe Mapukata

Umama oneminyaka engamashumi amathathu anesine uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba umyeni wakhe ubesoloko exhaphaza ngokwesondo intombi yabo iminyaka esibhozo.  

Le ntombazana ineminyaka elishumi elinesixhenxe ityhola uyise ngokuyidlwengula ekhayeni labo eMthatha ngalolonke ixesha eyilungiselela ukutya ivela esikolweni. 

Lo mama uthi ukhe ave ngamatyala okudlwengulwa enyathelwa ziintsapho kuba zizithi oku kuzakubangela iyantlukwano kusapho olo. 

“Bathi bayithethwe isikhaya ngaphambi kokuba kuxelwe emapoliseni, kodwa ukuba kuthethwa ngomntwana wam, khange ndifune nokucinga ngempendulo yakhe xa ndimbuza,” utshilo.  

Samsung Galaxy 14G

“Ngoko nangoko ndaxelela usapho lwam kwaye basixhasa isigqibo sam sokuvula ityala.” 

Uthe yena nentombi yakhe bawubopha wancipha umthwalo wabo bashiya kwikhaya labo, bakhangela enye indawo yokuhlala.  

Lendoda ineminyaka engamashumi amane ananye yabanjwa kwaye ibivele phambi kwenkundla kamantyi eMthatha, apho isicelo sayo sebheyile siphikisiwe ngumbuso.  

Umama wexhoba udize ukuba umyeni wakhe ubegrogrisa intombi yakhe ngokuyibulala ukuba nje uke wayithi vu kuye nabanina indaba yokudlwengulwa kuyo yonke leminyaka.  

“Oludlwengulo lwenzeka ndikhona njengoko besihlala sonke,” utshilo.  

“Akasebenzi kwaye uhlala ekhaya. Ngalo lonke ixesha ndibuyela ekhaya kukutya okuphekwe nguye, intombi yam ibhatala ngomzimba wayo. Wayemxelela ukuba uzakupheka kwaye yena kufuneka ambhatale.” 

Uthe akukho mazwi anokuchaza indlela ophuke ngayo emoyeni, kuba umntwana wakhe ubesoloko omelele efihla ukukhathazeka nokungonwabi kwakhe.  

Ixhoba lide lafumana isibindi sokuthetha ngenyanga yoKwindla kulonyaka, ngenxa yokudaniswa kukungafumani sithuba sokufunda kwidyunivesithi zeli emva kokuphumelela ibanga leshumi.  

Elityala lirhoxiselwe umhla wamashumi amabini anesine kwinyaka kaCanzibe. 

Isithethi segunyabantu lezotshutshiso kwiphondo leMpuma Kapa uLuxolo Tyali akakwazanga kuphawula kwelityala malunga nesigwebo esilindelekileyo kumrhanelwa.  

Umfanekiso ongasentla: Inkqubo zaseNkundleni.  

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Songeziwe Mapukata