
Ngu Songeziwe Mapukata
Ekugqibeleni amapolisa afumene umkhombandlela kuphando oluthathe iinyanga malunga nolwaphulo mthetho lokuhlaselwa kweebhasi zakwaIntercape kweliphondo leMpuma Koloni.
Abarhanelwa ababini babanjiwe ngokunxulumene neziganeko zobundlobongela ezibangela abakhweli bezibhasi babe ngamaxhoba okukhuthuzwa, babethwe kwaye bagrogriswe kwiphondo lonke.
Ngokutsho kwesithethi samapolisa ephondo leMpuma Kapa uBrigadier Thembinkosi Kinana, abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amabini anesithandathu namashumi amathathu anesixhenxe babanjwe emva kokubetha baphinde bakhuthuze abakhweli kwigaraji ethile eCofimvaba.
Isiganeko sesibini sohlaselo senzeke phakathi kwaseTsomo neNgqamakhwe, apho kuphindwe kwaqweqwediswa kwaye kwabethwa uninzi lwabakhweli. Ababarhanelwa abakadizwa kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla ekuhambeni kweveki.
Inkampani yebhasi iIntercape kudala imemelela amanyathelo akhawulezayo kwiziphatha-mandla zesebe lezothutho kunye namapolisa ukuba afumane indlela yokuqubisana neziganeko zobundlobongela obenziwa kwibhasi zabo, abasebenzi kunye nabakhweli.
Ngamatyala angaphezu kwekhulu namashumi amathandathu avulwe yilenkampani kwinkonzo yesipolisa yephondo leMpuma Kapa oko kwathi kwaqala eziziganeko. Lenkampani yade yafikelela kwinqanaba lokunyanzelisa udliwo kumphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele ngokohluleka ukunikezela ngezicwangciso zokhuseleko oluzakunqanda iziganeko zokuhlaselwa kweebhasi zalenkampani.
Ngenyanga kaTshazimpuzi kwenzeka iziganeko ezilishumi elinesine zohlaselo kwiphondo leMpuma Kapa, abantu abathathu basala bonzakele ngelixa ababini kubo babethwa ngokumasikizi.
Amapolisa ahlangabezana neziziganeko ngokutyala amapolisa ecandelo le Tactical Response Team kunye namalungu eFlying Squad koohola bendlela bakazwelonke ukuba enze ugqogqo ubusuku nemini, njengoko ezinye iziganeko zohlaselo zisenzeka kwindawo ezikude nemizi.
UKinana uthe uphando luyaqhuba ukufumanisa ukuba ingaba abarhanelwa bayabandakanyeka kusini na kwezinye iziganeko ezenzeka kweliphondo.
Inkampani i-Intercape ithe ukubanjwa kwababarhanelwa ngumkhombandlela obaluleke kakhulu kuhlaselo lweebhasi ze-Intercape, kwaye banethemba lokuba oku kuzakukhokelela kwabarhanelwa abaninzi kunciphe nezinga lokuhlaselwa kwebhasi zabo nabakhweli.
Umfanekiso ongasentla: Ibhasi yakwa Intercape eyonakalisiweyo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe