Isebe lenkonzo zoluleko liqhawule isivumelwano sentsebenziswano kunye neG4S eMangaung Correctional Centre

Ngu Everson Luhanga

Isebe lenkonzo zoluleko libhengeze izicwangciso zalo zokuqhawula isivumelwano sentsebenziswa kunye nenkampani yoonogada iG4S eMangaung Correctional Centre.

Isithethi sesebe uSingabakho Nxumalo uthe, isigqibo sokuqhawula isivumelwano siza emva kokuba elisebe lifumene iingcebiso zomthetho malunga nesakhono, nokulungela kwenkampani iBCC ukuqhubeka njengequmrhu eliphetheyo kweliziko.  

Isebe lenkonzo zoluleko lifikelele kwisigqibio sokuba inkampani iBCC iyasilela kuwo omabini lamabakala.  

“Njengesivumelwano, isaziso sokuqhawula iinkonzo sithunyelwe kwinkampani iBCC. Kuzakuthi kwakuphela elixesha, isivumelwano sifikelele esiphelweni,” utshilo uNxumalo kwimbalelwano ekhutshwe ngolwesibini.  

Samsung Galaxy 14G

Isebe lenkonzo zoluleko sele luyiqalile inkqubo yangaphakathi, yokuthathela kulo ukawulo lweziko loluleko lwaseMangaung.  

Isivumelwano sicacisa ngokucacileyo inkqubo ekufuneka ilandelwe kulemeko, kwaye kulindeleke ukuba isebe lenkonzo zoluleko liyilandele.  

Oku kulindeleke ukuba kube negalelo omandla kwiziko loluleko iMangaung Correctional Centre kunye namabanjwa ezikweliziko. 

Kuzakubonakala ukuba isebe loluleko lihlangabezana njani nemiceli mingeni ebangelwe lolutshintsho lolawulo.  

Umfanekiso ongasentla: Iziko loluleko iMangaung Correctional Centre