Onqevu bemali yokhuseleko badubule babulala umsebenzi wesixeko saseKapa 

Ngu Buziwe Nocuze

Umsebenzi othutha inkukuma eLower Crossroads eKapa, udutyulwe wabulawa ngolwesithathu kwiveki ephelileyo, ebulawa ngoonqevu abanyanzelisa imali yokhuseleko. 

Okukunyanzelisa kwabo intlawulo besele kunwenwele kwilokishi yaseSamora Macheal, apho abaqokeleli benkukuma bebenyanzeleke ukuba banqumamise ukusebenza kwabo kulendawo ngenxa yezigrogriso. Ngokukhawuleza emva koku, inkukuma eyenze induli yentaba iqalise yagcwala nangakumbi, nto leyo ibangele ukuba abahlali bangakwazi kuhlala kulendawo. 

Ngokokutsho komhlali ocele ukuba angadizwa, othethe neqonga leendaba iScrolla.Africa, abarhanelwa banyanzelise intlawulo yokhuseleko kubasebenzi abaqokelela inkukuma, bebabuza ukuba kutheni bengasayi ukuyothatha inkukuma eSamora Machel.

Abahlali baseSamora Machel kudala besokola ngenxa yenkukuma engathathwayo kuphela iiveki ingathathwa ngenxa yemeko efana yokufunwa intlawulo yokhuseleko.  

Samsung Galaxy 14G

Umrhanelwa, lobejikele ngasemva kweloli ngelixa oogxa bakhe bekhuphela imigqomo egcina inkukuma, wadutyulwa wabulawa ngoko nangoko.  

“Saziva izithonga zompu kodwa zange sicinge ukuba badubula umntu obeze kukweza umsebenzi wakhe,” utshilo omnye obesebenza nomfi. UZukile Dothiya oneminyaka engamashumi mane  unoloyiko lokuba iziganeko ezifana nezi zolwaphulo mthetho zizakubangela ukunqongophala kwenkonzo kulo mmandla.  

“Kungekudala akukho nomnye umntu ozoza kulendawo. Sizakusokola ukufumana ezinye iinkonzo ngenxa yezinto ezenzekayo kutshanje.” 

isixeko saseKapa sisiqinisekisile esisiganeko kwaye sithe umsebenzi uphinde waqalisa ukwenziwa nangona usenziwa kutyalwe amapolisa amaninzi kulommandla. 

Noxa kunjalo, olonancedo lukhawulezayo ludingekayo ngakwinkonzo yesipolisa, kukuba athathele ingqalelo ngokuvelela into yokukhuthuzwa kwemali kubahlali, baqinisekise ukhuseleko lwabasebenzi abahlinzeka ngeenkonzo.  

“Izinga lokubonakala kwamapolisa kulommandla alizufumaneka kwixesha lide kwelizayo, kwaye ukuphazamiseka okongezelelekileyo kulindelekile ngaphandle kokuba izigrogriso ezijoliswe kubasebenzi zingatshatyalaliswa,” sitshilo isithetho sesixeko saseKapa.  

Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Kapa uCaptain Frederick va Wyk uthe bayaliphanda elityala. 

“Ixhoba elineminyaka engamashumi amane anesibhozo, liswelekele kwindawo yexhwayelo ngenxa yomonzakalo eliwufumeneyo, kwaye izizathu ezirhangqe ukudutyulwa kwakhe zisaphandwa.” 

Abahlali bavakalise uloyiko nenkxalabo abanayo malunga nokhuseleko lwabo emva kwesisiganeko. 

“Oku kudinga amaqumrhu ezomthetho,” utshilo uNdumiso Qhelekile, oneminyaka engamashumi amane anesibhozo. “Singathatha noxanduva lokubakhapha, kodwa kuthetha ukuba sizakusalela ngasemva nabophuli mthetho. Bangasikhangela basifumane kunye neentsapho zethu.” 

Umfanekiso ongasentla: Umsebenzi wesixeko saseKapa odutyulwe wabulawa eLower Crossroads. Emva kwesisiganeko iinkunzo zike zanqunyanyiswa ixeshana kodwa ziohidw zasebenza phantsi kwelizo lamapolisa. 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Novuze