Isimanga ikumkani yaBathembu ifuna ukuthatha umhlalaphantsi iintambo zibanjwe yinkosikazi! 

Ngu Celani Sikhakhane

UKumkani uZwelibanzi Buyelekhaya Dalindyebo wesizwe saBathembu uvakalise umnqweno wokuthatha umhlalaphantsi wangaphambi kwexesha, kwaye inkosikazi yakhe ibe yiyo ezakuxhuzula imikhala kwesisikhundla.  

Ukuba uKumkanikazi uNokwanda uthatha esisikhundla, uzakuba linina lokuqala kwesisikhundla kwimvelaphi yesizwe saBathembu. 

UKumkani uZwelibanzi waziwa ngokuthetha kwakhe engakhathalele mntu, uvakalise inkxalabo malunga nokuba engazange akwazi ukuchitha ixesha nosapho lwakhe emva kokuba ebuyile elubhacweni ngonyaka ka1989. Ilungu eliqeqeshiweyo loMkhonto weSizwe, lekumkani isentsha yabhangiswa yasiwa elubhacweni ineminyaka elishumi kuphela ngomnyaka ka1976. 

Phakathi kwezinto ebezixoxwa zinkokheli zomthonyama kwintlanganiso ekhethekileyo kwiveki ephelileyo kwikhaya labucala lobukumkani eNkululekweni eMthatha, kukwenziwa kweKumkanikazi yendlu enkulu ezakuzala ikumkani elandelayo yendlu yobukumkani baBathembu.  

Samsung Galaxy 14G

Ngokokutsho kwesithethi sekumkani uMthunzi Ngonyama, lentlanganiso imxhasile uNokwanda njenge Kumkanikazi yeNdlu eNkulu yesizwe saBathembu.  

“Inkokheli zomthonyama zivumile ukuba zizakuzisa iinkomo ezizikuhlawula ilobola kaKumkanikazi uNokwanda njengenkosikazi engundoqo,” utshilo.  

UDalindyebo utshate amakhosikazi amahlanu, kuquka nokutshata amakhosikazi amabini ngaxesha linye, uKumkanikazi uNokwanda noKumkanikazi uNolitha ngosuku olunye ngonyaka ka2004. 

UNolitha noNolwazi sele balandulela eli limagade ahlabayo, kwaye ikumkani inesehlukaniso kunye namakhosikazi ayo amabini uNocollege noNoluntu. 

Ngoku hlala nenkosikazi yakhe ebekwe njengenkosikazi enkulu uNokwanda, owayehleli engomnye wabantu ababesematheni ukuba uzakuthatha ubukumkani ephikisana nonyana weKumkani uPrince Azenathi Dalindyebo, ngexesha lokubanjwa kwekumkani ngonyaka ka2015.  

Isiphakamiso sokuba uNokwanda athathe iintambo zobuKumkani kushiya imibuzo malunga nendlela yemveli yokudluliselwa kobukumkani kwiSizwe saBathembu.  

Isithethi sikaDalindyebo salile ukuphawula ngalomba. 

Umfanekiso ongasentla: Ohloniphekileyo uKumkani uZwelibanzi Buyelekhaya Dalindyebo kunye nenkosikazi yakhe uKumkanikazi uNokwanda, ekurhanelwa ukuba angathatha iintambo zoBukumkabi 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe