Inyukile imali yembuyekezo kumdyarho iComrades Marathon! 

Ngu Thathe Msimango

Umdyarho weembaleki iComrades Marathon ibhengeze ukonyuka okumandla kwemali yembuyekezo ezakuphunyelelwa kumdyarho walonyaka. 

Umdyarho wodumo owaziwayo welizwe loMzantsi Afrika, ocwangciselwe umhla weshumi elinanye kweyeSilimela, uzidla ngomagumede webhaso lemali eliyiR4.31 million, ebonakalisa ukuba lembuyekezo inyuke ngomyinge wamashumi alithoba xa kuthelekiswa nonyaka ophelelileyo apho lalixabisa iR2.27 million. 

UBongumsa Mthembu owaphumelela lomdyarho weCorades marathon ngonyaka ka2014, u2017 kunye no 2018 uzamkeke iindaba zokonyuswa kwelibhaso lemali.  

“Kuhle ukubona kusonyuswa imali yebhaso lomdyarho weComrades. Sele kuyiminyaka, sikhalela ukuba yonyiswe,” utshilo.  

Samsung Galaxy 14G

Ibhaso lokuqala liphantse layiphinda kabini imali yonyaka ophelileyo, isuka kumawaka angamakhulu amabini namashumi amathandathu eerandi yayakutsho kumawaka angamakhulu amahlanu eerandi, ibhaso lezibini lisuka kumawaka alikhulu namashumi amathathu eerandi layakutshi kumawaka angamakhulu amabini namashumi amahlanu eerandi ze elesithathu lishuke kumawaka angamshumi aluthobo liye kutsho kumawaka alikhulu namashumi asibhozo eerandi.  

Ukongeza koku, ukuba imbaleki egqwesileyo kumdyarho wamanina namadoda ikwazile ukophula irekhodi elihamba phambile lika David Gatebe ( linyaka ka2016 -leyure ezintalanu: imizuzu elishumi elinesibhoz kunye nemizuzwana elishumi elinethoba) okanye nelika Frith van der Merwe (lonyaka ka1989 leyure ezintlanu; imizuzu engamashumi amahlanu anesine kunye nemizuzwana engamashumi amane anesithathu), bazakufumana ibhaso lesigidi seeramdi kwimali yebhaso leComrades – aphumelele imali yomdyarho kunye namawaka angamakhuu amahlanu eerandi ngokophula irekhodi lelonaxesha lihamba phambili ukugqiba lomdyarho.  

Imbaleki yelizwe loMzantsi Afrika egqibe lomdyarho izakufumana amakhulu amabini amawaka eeRandi, kwaye imbaleki yephondo laseKZN egqibe lomdyarho izakufumana amashumi amathandathu amawaka eerandi. 

UMthembu ukholelwa ukuba, angayiqhawula kuqala intambo kulonyaka.  

“Ndisengumntu okhuphisana kakhulu, ndingawuphumelela lomdyarho,” utshilo.  

Umdyarho weComrades Marathon wabethwa kakhulu kukuqhambuka kwentsholongwane yeCovid-19, nyto leyo yabangela ukuba uphulukane nabaxhasi. Noxakunjalo, lomdyarho usahlonitshwa ihlabathi liphela, kwaye ukonyuka kwemali yembuyekezo bubungqina bokuba bakhona abakholelwa ukuba ezemidlao ziyakwazi ukutshintsha ubomi.  

Umfanekiso ongasentla: NguBongumusa Mthembu 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe