Emva kwenyanga ezintathu uBheki Cele uhlangula uluntu lwaseMajola eSajonisi 

Ngu Zukile Majova

Amapolisa ohlulekile ukukhusela uluntu lwaseMajola, eSajonisi apho kwatshiswa amakhaya angamashumi amahlanu nezindlu ezingamashumi aluthoba anesixhenxe, zitshiswa kwimpi yesikhaya yamalungu ajongana ngezikhondo zamehlo.  

Uninzi lwabahlali balommandla banyanzeleka ukuba babalekele kwihlathi elikufutshane babukele bekude njengoko izindlu eziphantse zifikelele kwikhulu kunye nengeniso yabo abayisebenzele ubomi babo bonke isitsha ibeluthuthu. 

Ezi ziziganeko zakutsha nje zempi evuke yaqala phantsi esele ineminyaka iqhuba.  

NgeCawe, bekufana nqwa nemeko yokufika kade kunokuba ungafiki kwaphela, njengoko umphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele kunye nomkomishinala wamapolisa kuzwelonke uFannie Masemola bebebambe imbizo nabahlali baseMajola ukufumana isisombululo salempi.  

Samsung Galaxy 14G

Isithethi somphathiswa wenkonzo yesipolisa uLirandzu Themba uthe icandelo elikhethekileyo lamapolisa kunye namalungu omkhosi wokhuselo weli atyalwe kulommandla ukuba avuselele uxolo. 

“Kuleminyaka idlulileyo, elidabi likhokelele kwizenzo zobundlobongela nolwaphulo mthetho; iziganeko zokutshiswa nokubulawa kwabantu kukhokelele ekutshatyalalisweni kwemizi nezindlu ezingaphezu kwekhulu namashumi amane. 

“Ngabantu abangamashumi amabini anesibini asele bebulewe kulommandla kuleminyaka mithathu idlulileyo. 

“Izenzo zolwaphulo mthetho nazo zibangele ukuba iintsapho ezinzini ziduke, zishiya amanina nabantwana bengena bani kwaye uninzi lwabantu luxolela ukushiya amakhaya abo, baye kufumana indawo zokuzikhusela kwihlathi elikufutshane.” 

Umphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele uthe icandelo lenkonzo yesipolisa iTactical Response Team kunye necandelo longenelelo lukazwelonke azakutyalwa kulommandla zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe.  

“Ilali yaseMajola ayikwazi ulala ‘ezindongeni’ ngenxa yokugqugqisa koonqevu abashiya abahlali besoyikisela iimpilo zabo, bade bakhethe ukuhlala emahlathini kunokuhlala emakhayeni abo,” utshilo uCele.  

Ngenyanga yoMqungu yaqalisa kwakhona impi eyayigquba kulommnadla iminyaka, yasuba ubomi benkonde yelali yaseTyeni eyadutyulwa yabulawa. 

Ngeloxesha, abahlali baxelela iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba isiganeko sokugqibela esololwahlobo sagqibela ukwenzeka ngomhla weshumi elinesithoba kwinyanga yoMsintsi ngonyaka ka2022.  

Umfanekiso ongasentla: Icandelo ledyokhwe zenkonzo yesipolisa lingena kwilali yaseMajola eSajonisi 

Imvelaphi yomfanekiso: @LirandzuThemba