UPhalatse ukwiphulo elitsha lokuzigqatsela usodolophu waseJoburg 

Ngu Zukile Majova

UGqr Mpho Phalatse obesakuba ngusodolopho waseJohannesburg uphehlele elinye iphulo egaqele isikhundla sika sodolophu womasipala waseJohannesburg.  

Abavoti baseJohannesburg banika umbutho weANC iivoti ezikumyinge ka33% kuphela kulonyulo oludlulileyo lomasipala basemakhaya, nalapho umyinge ka64% kwabelana ngawo amaqela aphikisayo. Kodwa lamaqela akakwazanga ukumanyana asebenzisane, nto leyo ishiye iANC iselulawulweni kwakhona.  

Esisixeko sinesabelo mali esifikelele kuR90 billion siphinde sangabi sodolophu kwakhona, emva kokushiya esikhundleni kukaThapelo Amad njengoko bekuzakuhlala isigqeba kusenziwa ivoti yokuphelelwa lithemba kuye, ephakanyiswe ngumbutho iActionSA.  

Loceba wombutho iuAl Jama-ah umbutho wakhe wafumana ivoti ezingaphantsi komyinge omnye wepesenti, uzame ukubophelela esisixeko kwimali mboleko yeR9-billion ezakusetyenziswa ukuhanjiswa kwenkonzo kunye nokwakha into ayibiza nge-smart city. 

Samsung Galaxy 14G

UPhalatse uthe umbutho wakhe uyamxhasa ukuba angenele njengomgqatswa wendibanisela yamaqela aphikisayo akhokhelwe yiDA kwisixeko aseJohannesburg. Usihlalo weDA eRhawutini uFrded Nel uthe: “IDA izakukhetha uGqr Mpho Phalatse ukuba abengumgqatswa wayo kwisikhundla sika sodolophu. 

“UGqr Phalatse unomnombo obambekayo wokuqonda nokwazi iimfuno zabantu baseJohannesburg.”  

Isixeko saseJohannesburg kulindeleke ukuba sonyule usodolophu wesine okokuthe kwadlula unyulo lorhulumente basemakhaya ngenyanga yeNkanga nginyaka ka2021, kulindeleke ukuba luqhube ngomhla wesibini kwekaCanzibe. 

Osodolophu abathathu badlulileyo nguGqr Mpho Phalatse weDA, uDada Morero weANC kunye noAmad wombutho weqaqobana lamaMuslim i-Al Jama-ah, ogqiba kushiya kwesisikhundla.  

Oko kuthe kwaphuma uPhalatse ngeyoMqungu kulonyaka, esisixeko sinzinyelwe kukuqubisana nokuqhambuka kwesifo sotyatyazo, ngelixa unikezelo lwamanzi olungekho mgangathweni lushiye iindawo ezinizi zingenamanzi kulomasipala.  

Inkulubaphathiswa yephondo laseRhawutini uPanyaza Lesufi, ongusihlalo wombutho weANC kwelaphondo uququzelela izivumelwano zentsebenziswano nemibutho ephikisayo komasipala abakhokhelwe ngumbutho weANC eRhawutini, uthi bazakuzikhusela I zihlalo sikasomlomo webhunga kunye nombhexeshi oyintloko ngakwisiphakamiso sokuphelelwa lithemba.  

Usodolophu omtsha uzakuphuma kwindibanisela yamaqela aphikisayo akhokhelwe ngumbutho weANC aquka iEFF, iAl Jama-ah, iPA, iAIC, iGood, iATM, iAHC, iPAC, iCope, iUDM kunye neAPC. 

Uphalatse ukhokhele indibanisela yemibutho ephikisayo equka iDA, iActionSA, iACDP, iFF-plus kunye neIFP. Lendibanisela iphulekene namaqela amabini iCope kunye nePA ethathwa yindibanisela ekhokhelwe yiANC.  

Umfanekiso ongasentla: UMpho Phalatse ekwintlanganiso yesigqeba esilawulato seDA kwiveki ephelileyo 

Imvelaphi yomfanekiso: @mphophalatse1