
Lawo ngamazwi kamongameli uCyril Ramaphosa eqhwabela izindla uKristen Neuschäfer, ongumatiloshe waseGqeberha ophumelele ukhuphiswano oluphambili lwehlabathi iGolden Globe Race.
Uchithe iintsuku ezingamakhulu amabini anamashumi amathathu anesihlanu eyedwa elwandle, kukhuphiswano apho bekufuneka abangeneleyo baqhube izikhephe zabo baphumelengaphandle kwizibulo lelizwe elikhethiweyo bengakhange basebenzise buchwepheshe balemihla obufana neGPS ukubancedisa ukufumana umzila ozingisa kwelo zibulo.
“UKristen ibinguye yedwa inina elingenele olukhuphiswano kwaye waphinda wabalinina lokuqala ukuphumelela utyelelo lwehlabathi lomatiloshe ohamba yedwa. Kuhambo lwakhe uhlangule umatiloshe weFinnish ekutshe isikhephe sakhe sazika ekulwandle lwaseMazantsi eIndia,” utshilo uRamaphosa ngeCawa.
UNeuschäfer uphumelele ithree Capes wabetha abalishumi elinesihlanu abekhuphisana nabo, engakhange avunyelwe ukuba ame kwamanye amazibulo, engavumelekanga ukuba afumane uncedo okanye axhotyiswe zizixhobo ezizakumnceda afikelele kwizibulo aya kulo. “Eyona nto iyenze yagqwesa impumelelo yakhe, kukuba uKristen ugqibe uhambo lwakhe ngokusku Lwenkululeko [kwilizwe oMzantsi Afrika], utshilo uRamaphosa).
“Siyazingca ngawe Kristen,” wongezile.
Lomatiloshe uneminyaka engamashumi amathathu anethoba udlule umda kunxweme lwaseFrance emva kwentsuku ebezinzima ezingamakhulu amabini anamashumi amathathu anesihlanu kukhuphiswano lokujikeleza ihlabathi iGolden Globe round-the-world race.
Impumelelo kaNeuschäfer ifike kanye ngosuku eMzantsi Afrika kubhiyozelwa usuku lweNkululeko, kwaye uzive esonganyelwa ziimvakalelo newonga lokuphumelela “ngosuku lukaMandela.”
Unina umange ngoko nangoko xa ephuma kunxweme iLes Sables d’Olonne. Impumelelo kaNeuschäfer ibeyinto unina angazange wanqwenelela nawuphi na umntwana wakhe.
“Lusuku lukamandela kubo bonke abantu endibaziyo, ukuba ukhona umntu ebendinqwenela ukuba ngendandimbonile, nguNelson Mandela,” utshilo kwinkomfa nonondaba emva kwempumelelo yakhe ngolwesihlanu.
“Ndiyawuthanda uMzantsi Afrika ngendlela oyiyo ngoku, kwaye sibulela yena – wancama lukhulu,” utshilo.
Olukhuphiswano belunzima, kwaye babini kuphela abebengenele ukulindeleke ukuba bagqibe umdyarho wabo. UAbhilash Tomy wase India uzakufika kwintsuku ezimbalwa ezizayo ngelixa uMicheal Guggenberger waseAustria kukholeleka ukuba uqhuba ekuse kufuphi sesiqithi iCanary Islands.
UNeuschäfer unyanzeleke ukuba anyamezele izichotho ezinzima, kodwa bonke obobunzima bumnike ulonwabo ekugqibeleni, njengoko eqalisa ukuyiqonda impumelelo newonga alifumeneyo.
“Akukholeleki, inkulu kakhulu emva kweenyanga ezingaka ndindodwa,” utshilo emva kokufika kwakhe eterra firma.
Ukuqaqambisa iqhawekazi alilo, ixesha lakhe lokuphumelela lincitshiswe ngeentsuku ezimbini, laya kutsho kwintsuku ezingamakhulu amabini anamashumi amathathu anesithathu, iiyure ezingamashumi amabini , imizuzu engamashumi amane anesithathu kunye nemizuzwana engamashumi amane anesixhenxe.
Lomatiloshe wesikhephe uyinzalelwane yaseGqeberha, waqalisa esisakhono ukusukela ngonyaka ka2006, egxile kwicandelo lokuthutha nokuhambisa izikhephe esebenzisa izithuthi zaselwandle.
Umfanekiso ongasentla: UKristen Neuschäfer
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter