Kubulewe unogada wesibini weDyunivesithi yaseFort Hare

Ngu Zukile Majova

IDyunivesithi yaseFort Hare iqinisekisile ukuba omnye wabasebenzi bayo udutyulwe lahlanza iselwa kwisiganeko esenzeke ngeCawe. 

Unogada kaVice-Chancellor uSakhele Buhlungu ubesendleleni esingise kwikhampasi enkulu yaleDyunivesithi eAlice ngethuba kumbonzeleka isithuthi sohlobo lweBakkie kwisithuthi sakhe.  

Oonogada abaziboneleyo lengozi bathe, uthe akubona ukuba akakwazi kubaleka ngesithuthi sakhe umqhubi weBakkie, wacela kwabanentsente ngenyawo zakhe eshiya indawo yexhwayelo.  

Abanogada baye bamleqa baze bamfumana, bamsa kwisikhululo samapolisa eKing Williams Town. 

Lonogada ubelingqina elingundoqo kwityala labantu abahlanu abatyatyekwa izityholo zokubulala abasebenzi ababini baledyunivesithi ekuqaleni kwalonyaka.  

Esisihlani sityholwa ngokuba ngoongqondongqondo bokupheka iyelenqe lokubulawa kwabasebenzi baledyunivesithi- babulala umanejala ojongene nezithuthi zaledyunivesithi kunye nonogada kaBuhlungu – bekulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile ngoLwesine.  

Ngenyanga yoMdumba, iinzame zokubulala uProfessor Buhlungu zaphela kusifa unogada wakhe, uMboneni Vesele owadutyulwa wabulawa ekwisithuthi sikaprofessor.  

UPetrus Roets, ongumanejala wezithuthi zaledyunivesithi wadutyulwa wabulawa ngenyanga yoKwindla, kwaye kukhona iziganeko eziliqela zokuzama ukubulawa kwabanye abasebenzi baledyunivesithi. UProfessor Buhlungu uthi abarhanelwa abathathu kwababahlanu banobudlelwane obuluqilima kunye naleduyinivesithi. 

“Ayiyomfihlo into yokuba umhlekazi uBongani Peter (ongomnye wabarhanelwa) ubeligosa lesebe elijonge izithuthi zaledyunivesithi. Wanqunyanyiswa ngezityholo zorhwaphilizo kwaye ubanjelwe zozibini ziganeko zokubalwa kwabasebenzi baledyunivesithu ababulawayo, Ubesebenzela leDyunivesithi.  

“Kuthi kulihlazo ukuba omnye wethu ohlawulwa yidyunivesithi, enomsebenzi kunye noxanduva alunikiweyo, abe utyholwa ngokweba nokwehlisa imali ngomlenze kwicandelo lezithuthi zaledyunivesithi, kwaye uceba ukubulala,” utshilo uVice-chancellor. 

Omnye wabatyholwa wayelilungu lesigqeba sabafundi(SRC) owatshintsha waba ngusomashishini onikezela ngeenkonzo kuledyunivesithi, atshilo amapolisa. Umrhanelwa wesithathu onobudlelwane naledyunivesithi wathatha umhlalaphantsi kwiminyaka emine edlulileyo, kodwa waphinda waqeshwa kwakhona nguPeters ukuba abenguqhubi wexeshana kavice-chancellor. 

Umfanekiso ongasentla: Abarhanelwa abahlanu bevele phambi kwenkundla kamantyi eAlice, ngomhla weshumi elinanye kwekaTshazimpuzi 

Imvelaphi yomfanekiso: @Lizandzu Themba