
Ngu Celani Sikhakhane
Kwakhona umbutho weDA ukhethe ubunkokheli bamadoda amhlophe ukuba awuthathe lombutho awuse kunyulo lukawonkewonke lonyaka ka2024. Oku kuza emva kokuba lombutho ugxekwe kanobom ngokonyula iinkokheli ezebala kwinkomfa yayo kazwelonke.
Ukushiya kweenkokheli eziphambili ezimnyama kumbutho weDA KwaZulu-Natal kushiye lombutho nesigqeba sephondo esonganyelwe ngamadoda ebala.
Kwinkomfa yalombutho yephondo ebibanjelwe eDurban ICC kulempelaveki, ngamadoda amathathu ebala elimhlophe onyulwe kwizikhundla eziphezulu zolalwulo lwalombutho.
UFrancos Rodger uphinde wonyulwa kwakhona ukuba abeyinkokheli ephambili kulombutho kwelaphondo, uDean McPherson wonyulwe njengosihlalo weDA KwaZulu-Natal ngelixa uMartin Meyer onyulwe ukuba abengusekela sihlalo wokuqala wesigqeba selaphondo.
Ukongamela kwenkokheli ezingamadoda amhlophe kulombutho kuqale emva kokunduluka kwenkokheli zomgquba ezifana noSizwe Mchunu, uZwakele Mncwango, uMbali Ntuli, uMakhosazana Mdlalose kunye nabanye.
Ngomgqibelo lenkomfa ibizinyaswe ngabathunywa balombutho abangamakhulu amahlanu, apho konyulwe khona amadoda amahlophe ukuba akhokhele lombutho ukuya kulonyulo lonyaka ka2024, kwiphondo elizingca ngamasiko esintu kwaye elineendawo zasemaphandleni.
Ilungu elitsha elingusekela wenkokheli eyongameleyo kwelaphondo, ekukuphela ndoda yebala lomgquba kwesisigqeba uSthembiso Ngema uthe oko ethathe intambo zobunkokheli uRogers, lombutho kwelaphondo ukhule ngendlela emangalisayo.
“Enyanisweni siyakhula, kwaye ubungqina bokokuba siyaphumelela kunyulo lovalo zikhewu kuzo zonke iindawo eKZN. Abantu basezilokishini nasemaphandleni bayamkela ngezandla ezishushu iDA,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Amalungu ombutho weDemocratic Alliance onyule isigqeba esonganyelwe ngamadoda ebala elimhlophe eKZN ngoMgqibelo.
Imvelaphi yomfanekiso: Icandelo lezonxibelelwano lombutho weDA