Aqhubela phambili nempumelelo yawo amaBuccaneer 

Ngu Micheal Madyira

Iqela leOrlando Pirates likwazile ukuphumelela imidlalo emithandathu ilandelelana yePremier Soccer League, kwaye ibuyele kwakhona kwindawo yesibini emva komdlalo wangeCawa ewuphumelele ngamanqaku amabini kwelinye ngethuba idlala neTS Galaxy kwibala lemidlalo iMbombela. 

iqela leSea Robbers lihambe phambili lafika inqaku kumzuzu nje wesibini uqalile umdlalo, inqaku elize ngentloko kaTerrence Dzvukamanja, ngaphambi kokuba icala elisingethe lomdlalo liphindise ngenqaku elifakwe nguKapteni weliqela uGiven Msimango kwimizuzu emithandathu ngaphambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala somdlalo. 

Ukanti uDeon Hotto uqinisekise ukuba iqela lakhe iOrlando Pirates L ifumana amanqaku apheleleyo, ngenqaku alifake kumzuzu wamashumi amahlanu anesibhozo encedisa ingadla ngadla zaseSoweto ukususa iSupersport kwindawo yesibini kwilog. 

Kwimidlalo emithathu eshiyekileyo, kunye namanqaku alithoba adingekayo, iziphumo abazifumene ngeCawa bezibaluleke kakhulu kwiqela lamabuccaneer kwinzame zalo zokungenela ukhuphiswano lweCAF Champions League kwisizini elandelayo.  

Samsung Galaxy 14G

Ibingumdlalo onzima kakhulu kwiqela keTS Galaxy, ebelisingethe lomdlalo, elisele lisemngciphekweni wokukhutshelwa ngaphandle kwimidlao le PSL, elihamba phambili ngamanqaku amathandathu kuneqela elisemsileni iMaritzburg United.  

Ukapteni wamaBuccaneer uInnocent Maela ebengekho kulomdlalo, kodwa oku bekungeyonkxalabo ingakanani kumqeqeshi uJose Riveiro obesamkela uTapelo Xoki obekade enqunyanyisiwe.  

ITS Galaxy yona ibidlala ngaphandle komdlali wayo ophezulu uDjakaridja Traore kwaye indima yokungabikho kwakhe ibivakala.  

Kuthathe imizuzu emibini kuphela ukuba iPirates ihambe phambili kulomdlalo ngebhola entle engene ngentloko kaDzvukamanja, ebisuka kwibhola yekona ebikhatywa nguKabelo Dlamini obefaka inqaku lakhe lesithandathu leLeague kulesizini. 

Elinqaku khange libenze bayekelele umxakatho njengoko bebeqhubeka bekhangela amathuba, nangona bewuyekelele uxakatho lakwazi ukungena inqaku.  

Kuthe xa kufika isithuba secala kwiyure yokuqala, umdlali ovalayo weTS Galaxy uKamogelo Sebelebele wasala kancinci ukuba angalifaki inqaku, ngenxa yokuba evalwe nguNkosinathi Sibisi.  

Kwakhona iGalaxy iphinde yavuka yabuyisa uzitya ngethuba uMsimango efaka ibhola yentloko ebiphezulu, ebisuke ikhatywa nguLindokuhle Mbatha isuka ekoneni, kwalinganwa ngenqaku elinye macala, sabe siyaphela isiqingatha sokuqala ngolohlobo. UDzvukamanja uphantse wafaka elinye inqaku xakuqala isiqingatha sesibini kodwa, ibhola yakhe ichithiwe ngonozinti weTS Galaxy uMelisu Buthelezi.  

UHotto uphinde wabuyisela amaBuccaneer ukuba ahambe phambili kwakhona ngokugqibezela ngentloko yakhe ibhola ebifakwa ngentloko nguSibisi.  

Kodwa uMarks Munyai kunye noOrebotse Mangae babeke phantsi koxinzelelo unozinti weqela lePirates uSipho Chaine njengoko begalele iibhola ezinamandla zilandelelana njengoko bebekhangela iqela lokulinganisa.  

Kuthe xakufika ixesha lokuphela komdlalo, uMonnapoule Saleng wajongana ngqo noButhelezi, kodwa ubengakulungelanga ukuba aphose elithuba.  

Umfanekiso ongasentla: Umdlali ovalayo weTS Galazy uGiven Msimango evala umdlali weOrlamdo Pirates uTerrence Dzvukamanja 

Imvelaphi yomfanekiso: PSL