
Ngu Doreen Mokgolo
UTumelo Matlala ongumlinganiswa womdlalo kamabona kude iDurban General ubongoza uluntu ukuba luthathe iimfundiso kwindima ayidlale kulomdlalo kamabona kude ukufumanisa iimpawu zobudlelwane obunobundlobongela.
Lomlinganiswa udlala indawo kagqirha uSkhumbuzo Khumalo osokoliswa zizinto ezenzeka kuye esakhula, eyinkwenkwana eyaxhatshazwa ngokwesondo ngumakazi wayo.
UMatlala uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lendima imnyanzele ukuba ajongane ngqo namanye alamadoda axhaphaza amanina ukuze abaqondisise, ukuba kwenzeke njani ukuba bajike babe zizilwanyana.
“Ndatyelela iintolongo, ndathetha thethana nabo bafumene iingqawule kunye namaqurhu amadoda kuphela kwaye ndaziva ndinentlungu ngenxa yobuhlungu obabenza bathatha lamanyathelo,” utshilo.
“Siluluntu olonganyelwe ziingxaki. Eli lilizwe elonganyelwe ngamatyala obundlobongela obusekelelwe kwisini kunye nokubulawa. Amanina abulawa imihla nezolo ngabantu ababaziyo, kuquka nabathandana nabo.”
Uthe amadoda kufuneka aphumele etshatshalazeni ngentlungu yawo.
“Ndibongoza amadoda ukuba athetha kwaye afumane ukolulekwa ngokwengqondo. Akukhonto ibonisa ubuthathaka ngokufuna uncedo, kodwa ukukhuphela ukuxakaniseka kwakho kubantu abangakwazi kuzilwela bobona buyatha bukhulu,” utshilo.
UMatlala uthi ngoku uphila ngokungcungcuthekiswa ngathi ngumntu oxhaphaza amanina ngenxa yendima ayidlalileyo.
“Amaxesha amaninzi ndisoloko ndibuzwa ngendima enoburhalarhume ebendiyidlala kwaye ndibizwa njengombulali ogqwesileyo. Kuquka nabahlobo bam abasondeleyo kuba baphalaze imbilini yabo kum besithi bayohluleka ukohlala nam ngenxa nendima endiyidlalayo,” utshilo.
“Ndonwabile kuba ndikwazile ukuyinika ukuphila lendima, kwaye kuthethwe ngayo kanye indima yokuxhatshazwa.”
Uthe ukudlala lendima kube yeyona ndima ibenlbunzima kwisakhono sakhe siphela.
“Ukuze ndenze lendima ukhangeleke iyinyaniso, ndiye ndanyanzeleka ukuba ndiqalise ukutshaya, ekuyinto endayiyeka ndisakhula,” utshilo.
“Kuba ndingumzalwane ozelwe ngokutsha, Bendinoloyiko lokuba abanye abantu endikhonza nabo bazakundigxeka kuba sikhuthazwa ukuba sikhuthazwa ukuba singazibandakanyi nokusebenzisa iziyobisi.”
Kungoku nje ukusebenza njengomlingansiwa kwimveliso kamabona kude apho azakuba ngusomashishini. Lemvumi yaziwayo ngomculo wokholo, inezicwangciso zokukhupha icwecwe elitsha ekuhambeni konyaka.
Umfanekiso ongasentla: Umlinganiswa uTumelo Matlala
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe