Uhlile umgangatho woMzantsi Afrika 

Ngu Zukile Majova

Amahlandinyuka aleveki malunga nobulungu boMzantsi Afrika kwiICC kushiye kungekho mathandabuzo nakancinci okuba eli alisakulungelenga ukumela amazwe aseAfrika. 

Ihlabathi linike umbutho weANC ukungawuthembi ixesha eliphantse lafikelela kumashumi amathathu, kodwa ngoku ziyatshintsha izinto. 

Lombutho ubusoloko ukhwele emagxeni emvelaphi yomongameli abadala balombutho ukusukela kuNelson Mandela kunye noThabo Mbeki, owabeka ilizweloMzantsi AFrika njengelizwi laseAfrika. 

Umgaqo siseko weli kunye nemigaqo nkqubo yamazwe angaphandle, ingakumbi ethetha ngokuchasana nokunyashwa kwamalungelo oluntu kwihlabathi liphela, kwenza ukuba eli libeyinxalenye yamaqumrhu athile amazwe ehlabathi, kuquka ukuba lilizwe elityikityayo kumthetho waseRoma. 

Samsung Galaxy 14G

Amazwe ehlabathi akabhanxekanga olohlobo ukuba angacinga imigaqo nkqubo kaMadiba ibizizo izinto eziphambili kwizenzo zombutho weANC.  

Ukuhamba kweminyaka umbutho weANC uhambe wathobela urhwaphilizo, kuquka nokonyulwa kwenkokheli ezinendlela yokwenza izinto erhuqisa umrhaji efana noJacob Zuma kunye noAce Magashule kumaqumrhu aphezulu alombutho, konke oku bekubonakalisa ukuba imvakalalelo ka Nelson Mandela yalahleka kudala kumbutho weANC. 

Amanqaku amabini enzeke kuleveki aqinisekisile kwisizwe nakwihlabathi ukuba uMzantsi Afrika ayisenguwo lowo ubetha  nantoni na engahambiselani nezimvo zawo nditsho nakumaqonga amazwe ehlabathi.  

Okokuqala kwaxelwa ukuba iJapan, ezakuba lilizwe elilandelayo ukusingatha indibano yeG7, ayimmemanga umongameli uCyril Ranaphosa kwintlanganiso yamazwe amakhulu athatha inxaxheba lwehlabathi.  

Oku kubonakalisa ukuba uMzantsi Afrika, awusabonwa njengelona lizwi lithembakeleyo kumazwe aseAfrika. 

Emva koko kubekhona isigaba apho uRamaphosa abhengeze ukuba eli liyarhoxa kwisivumelwano senkundla yehlabathi yolwaphulomthetho i-ICC ngamafuphi, ekusisigqibo athe sithathwe yikomiti elawulayo yombutho weANC. 

Ukanti kufumaniseke ukuba iANC khange ithathe sigqibo sinjalo, emva kwentlanganiso ethathe iintsuku ezine kuxoxwa.  

Umbutho weANC uzakuhlala utyikitya kulawulo lwaseRome, kodwa kucacile ukuba kuzakubanjalo phantsi kwemiqathango ethi ayizunyanzeleka ukuba ibambe iintloko zombuso wamazwe ophula umthetho wehlabathi malunga namatyala empi. 

Sele kungaphezu kweminyaka elishumi lombutho uqulunqa ngobulungu bawo kwiICC kwinkomfa zawo zonyulo. 

Oku kubangela iyantlukwano phakathi kwamalungu alombutho, apho abanye besithi urhulumente weANC kufuneka urhoxe ngenxa yokungazinzi nokungabonakalisi velwano kwindlela iICC eqhuba ngayo izinto ekufanele izenzile ukulwa ulwaphulo mthetho.  

UMzantsi Afrika wake wabakuyo ingxaki efana nale ngaphambili. Sohluleka ukubamba lowo wayengumongameli waseSudan uOrmar al-Bashir nangona wayenamatyala empi akhutshelwe isigunyaziso sokubanjwa kwakhe yinkundla yamatyala olwaphulo mthetho yamazwe ehlabathi.  

Kwaye nangoku kucacile uMzantsi Afrika awuzuthatha manyathelo okuba ulandele isigunyaziso seICC malunga nesigunyaziso sokubotshwa kuka mongameli waseRussia uVladimir Putin njengoko elindeleke ukuba atyelele kweli xa kuzakube kuchotshelwe indibano yeBrics ngenyanga yeThupha.  

Eyonanto kufuneka yaziwe ngumbutho weANC kukuba ukuba yinxalenye yamaqumrhu ehlabathi kuza noxanduva lomsebenzi ekufuneka wenziwe. Awukwazi ukufuna ukuba yinxalenye yeqela leengqwayingqwayi kuba ufuna ulonwabo kuphela, umsebenzi uyadingeka ukuba wenziwe.