Lulwela imfundo engcono ulutsha lwaseLusikisiki 

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Umbutho weEFF ukhethe usuku lweNkululeko ukuba lulwele ukuvulwa ngokutsha kweKholeji yezemfundo yaseLusiksiki ibeyiDyunivesithi entsha iPondoland University. 

Ekhokhele lomngcelele usingise kweliziko, usekela sihlalo weEFF Thabo Nonzutha ubalule ukuba leCollege isetyenziswa njengee Ofisi zamasebe ohlukeneyo karhulumente, kwaye iindawo zokuhlala zihlala abasebenzi bakarhulumente abangafuni kuhlawula renti.  

“Kungenxa yalemvelaphi ebangela sithi iDyunivesithi kufuneka ivuliwe kulendawo, kuba ikhona indawo eyoneleyo ukusebenza njengamagumbi okufundela, iindawo zokuhlala abafundi kunye neeholo zokufundela kuquka neeofisi ezinokudingeka,” utshilo.  

Inkxaso malunga nokuvulwa kwalekholeji yamkelwe kakhulu lulutsha lwalommandla, kuba lulo olusala lungenandowo zokufunda xa lungafumani zindawo kwidyunivesithi.  

Liqaqobana labafundi elithi lamkelwe kwidyunivesithi zeli, kumawaka waka athumela izicelo kulamaziko.  

Itshantliziyo lombutho weEFF uMavukulana Mvuyisi uthe ukholelwa ukuba “ukulwela eliziko lemfundo  ayilophulo elisekwe sithi, kodwa luxanduva lwethu sonke ukuba silwele imfundo ezakusixhamlisa sonke. Sikholelwa ukuba akukho nkululeko ngaphandle kwemfundo. 

“Siqhuba eliphulo kuba sikholelwa ukuba kuphela kwesixhobo esinaso sokuphuhlisa umntwana womgquba osuka kumhlaba wamaMpondo.” 

Umbutho weEFF unyanzelisa ukuba ezolimo zibe zezinye zezifundo eziphambili ezizakunikwa ingqwalasela leliziko, ngenxa yomtsalane weemveliso ezinexabiso ezifana necuba labathwa ezinokusetyenziswa ukuphuhlisa uqoqosho lwasekuhlaleni.  

Ukanti amanye amagumbi okufundela kweliziko asetyenziswa lisebe lezemfundo, kwinkqubo yesebe yokunika ithuba kubantwana abafuna ukuphucula umgangatho weziphumo zabo zebanga leshumi. 

Noxa kunjalo, amanye alamagumbi akwindawo esele kubonakala ukuba izakhiwo ziyamoshakala kukungasetyenziswa nokunganakwa ngqwalasela yokuba zilungiswe. Akukho manzi kunye nezindlu zangasese.   

UAsiphe Mdingi okhethe ukuba aphucule iziphumo zakhe kwizifundo zezibalo nenzululwazi ngomnye wabafundi abanentlahla kuba uhlala kwizindlu ezihlawulelwayo ezikufutshane.  

“Ndidla ngokuba ndiphindele endlini yam ukuba ndifuna amanzi nokusebenzisa indlu yangasese, kodwa abafundi abahlala kude banyanzeleka basenbenzise ithafa elinemithi elingaphandle kweliziko xa befuna ukuzikhulula,” utshilo.  

UNikitta Ndzumo owenza ibanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iMgezwa senior Secondary ukholelwa ukuba eliphulo lokumemelela ukuvulwa kwakhona kweliziko njengedyunivesithi, kuzakubakhela ilifa bengabantu abatsha.  

“Oku kuzakusincedisa kakhulu. Akukho namnye umntwana ozakusokolela indawo yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo, abe ekude enekhaya ukuba eliziko linokuvulwa kwingingqi yethu. Oku kuyandonwabisa kakhulu,” utshilo.  

Umbutho weEFF uthi ufuna kubanjwe iingxoxo kunye norhulumente kunye nomanejala wesekethe malunga nezinyanzeliso zabo, kuba inyathelo elilandelayo izakuba kukuvalwa kweliziko de kube isinyanzeliso sabo sokukuvulwa kweDyunivesithi siyamiliselwa.  

Ufanekiso ongasentla: UThabo Nonzutha ongusekela sihlalo weEFF kummandla waseOR Tambo, ecacisa kabanzi ngezinyanzeliso zabo malunga nokuvulwa ngokutsha kweCollegi yezemfundo yaseLusikisiki 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Thabisa Ndzindzwa