
Ngu Dylan Bettencourt
EZEMIDLALO: Ulungiselela ukonwabela umdlalo webhola yombhoxo ngoMgqibelo, ngesiselo sakho esibandayo kunye nenyama.
➤ Ukuba lo ibingumdlalo wamanqindi ubuza kubizwa njengomdlalo wesizini.
Iqela leWestern Province likaJohn Dobson kunye neBlue Bulls zikaJake White zizaku qubisana eKapa ngecala emva kwentsimbi yesithandathu ngokuhlwa, abalandeli bathi iProvinces zihambela phezulu kwindebe yeCurrie Cup kwaye azinakubethwa, ngelixa abanye besithi umfutho ukwiBulls.
Ungalindela izihlwele zabantu kunye nohlobo lombhoxo olukumgangatho ophezulu. Ungaphoswa!
➤ Ungaziqhathi, iPumas azinakoyiswa! Into yokuba ziphulukene nomdlalo omnye kuphela kwaye iiLions ziphumelele kabini kuphela ayithethi ukuba abafana baseGoli abanako ukuxoza mphini wumbi kwibala i-Emirates Park ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoLwesihlanu.
Kwelinye icala, mancinci kakhulu amathuba okuba i-Cheetahs zibethwe ziGriffons . IiGriffons sele ziyiphumelele indebe enye yeCurrie Cup, kodwa iiCheetahs zisethubeni nazo lokuphumelela indebe. Ungalindeli ukuba iiGriffons zibethe iCheetahs eBloemfontein (ngo-7.05 pm) ngoLwesihlanu.
Ngaphandle komahluko ngamanqaku iSharks neGriquas zinezibalo ezifanayo ncam kwilog ngemidlalo esixhenxe abayidlalileyo nemithathu ababethwe kuyo. Lo ngowona mdlalo uzaku bonakalisa iqela elizaku thatha indawo yesithathu kwilog njengoko bezakudlal eThekwini ngecala emva kwentsimbi yokuqla emva kwemini ngoMgqibelo.
Ngelixa uNeil Powell ethatha ubushushu obunzima ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwabadlali akhe kulo lonke ukhuphiswano, umqeqeshi weGriquas uPieter Bergh, esebenza ngabadlali abafumanekayo kuye, kwaye wafumana owona mdlalo unomfutho kubadlali bakhe iveki neveki. Bephumelela okanye bengaphumeleli i-Griquas zihlala zidlala ngako konke ezinako kwimidlao yazo.
Yonke imidlalo yombhoxo iza kudlalwa ngqo kwiDStv.
➤Okokuqala kule sizini, iArsenal inkqenkqeza phambili kwiPremier League kwaye izakuqala ngomdlalo wedabi laseLondon idlala neChelsea.
Emva kokubethwa ngamanqaku amane kwelinye idlala neManchester ngobusuku bangolwesiThathu, iArsenal izifumana ikwindawo engayiqhelanga, kwaye kufuneka ileqe isicoco sePremier League.
Ixesha elininzi kule sizini iArsenal ibikhangeleka izibambile iintambo kwiligi kodwa ngoku ijongene nemidlalo yokugqibela eliqela kwindebe ezininzi ukuba izakukhusela isicoco sendebe yayo yokuqala kwiminyaka elishumi elinethoba.
Kwaye iqala ngohambo oluya eStanford Bridge ukuya kuqubisana neChelsea engakafumani mpumelele okoko yathi yaqesha igqala lomqeqeshi okwexeshana uFrank Lampard.
IArsenal ijonge ukuya kulomdlalo uthandwayo ibuye nempumelelo. Intlungu yokubethwa liqela leCity ngaphandle kwamathandabuzo izakubenza bakholelwe nangakumbi kwimpumelelo.
Kodwa iChealsea kunye neLampard alikho ixesha eligcono ukodlula eli ukuba zifumana uloyiso lwazo lokuqala, zibhangise amathemba eArsenal okuphumelela iligi.
Njengoko iyimpelaveki ende ngolona hlobo eMzantsi Afrika, abalandeli banyanzelekile ukuba baphinde intsimbi yethoba ngobusuku bangoLwesibini ukuze bafumane lomdlalo.
Noxa kunjalo, iCity ingakwazi ukufikelela enkcochoyini yePremier League njengoko bezakuya kudlala neFullham ngenjikalanga yangeCawa.
Ukuphumelela eCraven Cottage kuzakwenza uPep Guardiola neqela lakhe baphale phambili ngenqaku elinye besenkcochoyini yelog.
Lomdlalo uzakuqala entloko ngentsimbi yesithathu, ngaphambi kokuba iLiverpool isingathe umdlalo wayo ne Tottenham Hotspur kumdyarho webhola ekhatywayo yaseEurope.
Omabini lamaqela adinga ukuphumelela ukuze akwazi ukubayinxalenye yamaqela azakudlala kwiEuropean Football kwisizini elandelayo.
URyan Mason uzakuxhuzula imikhala kumdlalo wakhe wesibini weSpurs ozakudlala ngecala emva kwentsimbi yethoba kubusuku bangeCawa.
Yonke imidlalo yePremier League izakusasazwa ngqo kwitshaneli yeDStv u203.
➤ Le yimpelaveki eyohlukileyo kumdyarho wemoto iFormula 1 njengoko iAzerbaijan Grand Prix ivavanya izithuthi ezintsha kulemidlalo yempelaveki.
Njengoko sele kuphantse kwaphela inyanga yonke kungekho midlalo yeFormula 1, ukhuphiswano lweGrand Prix kwisixeko saseBaku luthatha indlela entsha.
Ukungenela umdyarho wangeCawa kuzakwenziwa ngoLwesihanu ngentsimbi yesithathu.
Emva koko kuzakubakhona imidlalo yokungenela iSprint race ngecala emva kwentsimbi yeshumi kusasa ngoMgqibelo, ngaphambi komdyarho weSprint race wangecala emva kwentsimbi yesithathu.
Umdyarho ongundoqo uzakudlal ngentsimbi yokuqla ngeCawa. Izakube inkulu kangangoko idrama kunye nemidlalo kolukhuphiswano.
Umdlalo womdyarho wemoto uzakube esasazwa ngqo kuTshaneli 215 yeDStv.
Umfanekiso ongasentla: Iqela leWestern Province liqubisana nBlue Bulls