
Ngu Celani Sikhakhane
Usodolophu odumileyo wombutho weDA uChris Pappas unikwe umyalelo zinkokheli eziphambili kumbutho wakhe ukuba angazibhengezi njengomgqatswa ofumanekayo ukonyulelwa ubunkokheli beliqela njengoko kuzakuqala inkomfa yonyulo yeliqela eKZN ngoMgqibelo.
Ngamalungu afikelele kumakhulu amahlanu alindeleke ukuba abe yinxalenye yolunyulo luzakube lubanjelwe eDurban ICC.
Imithombo ethembekileyo ithi lokaPappa, ongusekela wenkokheli ekhokheleyo ubejonge ukuthatha isikhundla esikhulu ephikisana nenkokheli ehleli kwesisihlalo uFrancoi Rodgers.
“UPappas ngomnye wenkokheli ezisebenza nzima kulombutho owenze iinzame ezibonakalayo zokukhulisa iDA kwiphondo laKwaZulu-Natal,” utshilo umthombo othembekileyo ocele ukuba ungadizwa uxelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.
“Ngelishwa ubonwe njengotshaba lukaFrancois Rodgers. Emva koko uxelelwe ukuba angazigqatseli sikhundla. Ndithetha nje akazufumaneka nokuba igama lakhe liyaphakanyiswa yindlu.”
UPappas ubhengeze ukuba akazufumaneka ukonyulelwa nasiphi na isikhundla kuba ufuna ukuzigcina engaphazanyiswa nto kulawulo loMasipala wasekuhlaleni uMngeni, apho asebenza njengosodolophu.
Ngolwesine iqonga leendaba iScrolla.AFrica lizamile ukuqhakamshelana naye, kodwa umanejala kwiofisi kasodolophu uPhilisiwe Memela uthe uPappas uxakekile wothula intetho kwintlanganiso yebhodi yicakaco lwemida kamasipala.
URodgers ubengafumaneki nakumnxeba wakhe.
Kwimbalelwano ekhutshiweyo, iDA ithe iinkokheli ezizakonyulwa ngoMgqibelo zizakube zingamathemba alombutho ukuba zizakususa umbutho weANC kulawulo lwaseKZN kulonyulo luka wonke wonke ngonyaka ka2024.
Umbutho weDA uke wafumana ukulahlekelwa ziinkokheli ezaziwayo kweliphondo.
Oku kubangele ukuba inkokheli ezifana noSizwe Mchunu, uMbali Ntuli, uZwakele Mncwango, uLindiwe Mazibuko kunye no Nicole Graham zihle kulombutho.
Uninzi lwezinkokeli zilahle zidlale indima enkulu ekubeni iDA isuse umbutho weIFP njengowona mbutho ongundoqo ophetheyo eKZN emva konyulo lonyaka ka2014.
Ngonyaka ka2021 bafumeme umasipala wokuqala kweliphondo.
Umfanekiso ongasentla: Inkokheli ye DA yaseKZN uFrancois Rodgers (phakathi) kunye nosodolophu wombutho weDA uChris Pappas (eKunene)
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter