UDe Ruyter uthi urhwaphilizo longamile kwa-Eskom 

Ngu Zukile Majova

Owayesayakuba yinqonyela yakwaEskom uAndre de Ruyter umile kwelokuba iinkampani ezisebenzisana noosopolitiki ziyaqhuba nokuphanga imali yalenkampani ngaphandle kwesohlwayo.  

UDe Ruyter, nobefudula eqikelela ukuba eli ziko lombane liphulukana ne-R1 billion ngenyanga ityhuthulwa ngamaqela olwaphulo-mthetho, uthe kungenzeka ukuba singaphantsi koku isibalo sakhe. 

Enyanisweni umonakalo obangelwa lulwaphulo mthetho ungaphezulu kweR1 billion.  

Ngolwesithathu De Ruyter uchithe iiyure ezintathu thetha thethana nekomiti yasepalamente ejongene nobume beakhawunti zoluntu, malunga nezinto wazithethayo ngaphambi kokugxothwa kwakhe ngenyanga yoMqungu.  

“Olu uqikelelo oluzinzileyo kwaye usekelwe kuvavanyo olwenziwe ndim, malunga nelahleko efunyenwe nguEskom, ethe yafikelela kum ndayinika ingqwaladsela.”  

Uzikhabile izityholo zokuba wasilela ukwenza umsebenzi wakhe, ngokungaluxeli urhwaphilizo olwenzeka kweliqumrhu lisezingxakini.  

“Ndayiphakamise lemeko kwelona gosa liphezulu lomthetho kweli, umkomishinala wamapolisa kuzwelonke,” utshilo ngaphambi kokuba aphinde atsho kwakhona ukuba wayiphakamisa kumagosa ajonga ukulandelwa kwemAgaqo nkqubo awaye bekwe ngumkomishinala kazwelonke. 

“Ngokuthe gabalala, icabdelo lika section 34 le Precca ( Prevention and Combating of Corrupt Activities Act) yamiliselwa ngenxa yokuba ndathetha ngqo namagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa kuquka umkomishinala wamapolisa kuzwelonke.” 

Noxakunjalo uDe Ruyter walile ukubiza igama lelungu lesigqeba okanye owayelilungi lesigqeba sikamongameli owafumana ingeniso ngorhwaphilizo olwenzeka kwaEskom.  

“Eyona ndlela ilungileyo uizakuba kubuzwe umphathiswa (uPravin) Gordhan kunye noGqr (Sydney) Mufamadi kuba babazisiwe kwaye bazi yonke into. Nani niyayazi andikho kwindawo ekhuselekileyo,” uphendule ngoluhlobo epalamente.  

Lo ubesaya kuba yingqonyela yakwa Eskom wakwazi ukufumana inkxaso mali efikelele kwizigidi ezingamashumi amahlanu eeRandi, kwinkampani zabucala, ukuze kuxhaswe ngezimali uphando lwe Forensic elizakujionga ukhuseleko lweziseko zakwaEskom.  

“Kwacaca kamhlophe ukuba uEskom udinga indlela ethile uyokuqokelela ubungqina obubanzi, kwaye oku sasikuthetha ngenxa yokuba lenkampuni iphethe iqela lezinto ezingundoqo kweli, kwaye sasinoxanduva lokukhusela zonke iziseko zombuso,” utshilo uDe Ruyter. 

Kwakhona, kukhona imibuzo ekhoyo malunga nokuthembeka kwezinye iingxelo uDe Ruyter awazisebenzisayo ukubona urhwaphilizo kwaEskom, kodwa ipalamente ayikangeni kabanzi kwezinkcukacha. 

Usihlalo weScopa uMkhuleko Hlengwa uthe badinga ingcaciso esuka kumaqumrhu aphandayo, malunga nenkqubela phambile kumatyala ohlukeneyo awaxelwa nguDe Ruyter.  

Umfanekiso ongasentla: Ngu Andre de Ruyter.