Lisemfiliba ikamva loMzantsi Afrika kwi-ICC 

Ngu Zukile Majova

Umongameli uCyril Ramaphosa kunye nombutho weANC bahlafuna amazambane bezama ukucacisa ukuba uMzantsi Afrika uzakuhlala ulilingu leInternational Criminal Court (ICC). 

Oku kulandela isibhengezo sangolwesibini sikamongameli sokuba ikomiti kazwelonke yombutho olawulayo iyalele urhulumente ukuba urhoxe njengelungu lenkundla yehlabathi yolwaphulo mthetho i-ICC. 

Urhulumente nombutho lawulayo bebesoloko bephantsi koxinzelelo malunga nokubhengeza indawo abame kuyo kwisigqibo seICC sokuba kukhutshwe isigunyaziso sokubanjwa kukamongameli waseRussia uVladimie Putin.  

Inkokheli yaseRussia ifunwa yinkundla ezinze eHague ngamatyala empi, kuquka nokunyanzelisa ukubuyiselwa kwabantwana kwlizwe elambethwe yimpi iUkraine – ekulityala elilinganiswa ne…aphantsi komthetho wenkundla yehlabathi. 

Samsung Galaxy 14G

Kodwa ngolwesithathu zijike ngokukhawuleza izinto. Isithethi sikamongameli uVincent Magwenta uthe: “UMzantsi Afrika uzakuhlala uyinxalenye yeICC ngokuhambiselana nesigqibo esaththwa kwinkomfa kazwelonke yombutho weANC-eyayibanjwe ngenyanga yoMnga kunyaka ka2022 – ukuphikisana nesigqibo sokurhoxa ukuba yinxalenye yeICC.  

“Isigqibo esathathwa ngenyanga yoMnga siphinde saqinisekiswa kwintlanganiso yekomiti elawulayo kuzwelonke ye-ANC ngempelaveki yomhla wamashumi amabini ananye ukuya kowamashumi amabini anesine ku;enyanga kaTshazimpuzi kunyaka ka2023. I-NEC iphinde yaphonononga ukurhoxa okunokubakhona kwi-ICC njengenyathelo lokugqibela 

xa kunokungabikho ndlela zimbi zomthetho ezinokukhokhelela kubulungisa kunye nokuhambelana kulawulo lomthetho wamazwe ehlabathi,” utshilo. 

I-ANC ithe ukurhoxa kwi-ICC kuya kuthathwa njengecebo lokugqibela “kuphela xa” 

ezinye izindululo “zingavezi iziphumo zinqwenelekayo zobulungisa nokungaguquguquki kulawulo lomthetho wamazwe ehlabathi”. 

UMzantsi Afrika ulungiselela ukusingatha ingqungquthela yeBrics elandelayo, ekulindeleke izinyaswe ziintloko zamazwe eBrics aquka iBrazil, iRashiya, iIndiya kunye neChina. 

Kukule ngqungquthela izakube ibanjwe ngeyeThupha apho kulindeleke ukuba urhulumente kaRamaphosa uthathe amanyathelo esigunyaziso sokubanjwa esikhutshwe yi-ICC. Noxakunjalo akukhomntu ubambe mazinyo nglomba.