Isigaba sebhola ekhatywayo iPSL sinolutsha oluzincutshe  

Ngu Micheal Madyira

Likhangeleka liqaqambile ikamva lebhola ekhatywayo kwilizwe loMzantsi Afrika njengoko kukhona abadlali abaze ngobuso abathembisayo kwiPremier Soccer League (PSL).  

Iqela labaqeqeshi babeke ithemba labo kwababadlali bakhangeleka bethembisa ukuba bazakukhula babe ziinkanyezi eziqaqambileyo kwihlabathi liphela.  

Ukuba khange bafumane kuphazamiseka kwizakhono zabo ngengabadlali bexesha elidlulileyo, ababadlali bangakwazi ukuphucula iBafana Bafana ibenekamva eliqaqambileyo.  

Iqonga lendaba iScrolla.Africa likuchiubela kabanzi ngababadlali babeka ibala labo kwiPSL. 

Samsung Galaxy 14G

USiyabonga Mabena 

Elityendyana lineminyaka elishumi elinesithandathu, lifunda ibanga lesibhozo kwisikolo samabanga pahakamileyo iClapham High ePitoli kwaye uzama ukufumana uzinzo kumsebenzi wakhe wesikolo kunye nokudlalela iqela elikhulu elifana neMamelodi Sundowns.  

Waqala ukudlala kwiPSL ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yoKwindla ngexesha bequbisana neRoyal AM kwaye ukusukela ngoko sele edlale imidlalo emine kwesisigaba.  

Lomdlalo wangaphambile udlalela iqela loMzantsi Afrika elidlala kwindebe yeAfrica Under-17 Nations Cup eAlgeria.  

UNtando Nkosi 

Lo ngomnye wabadlali abaqaqambileyo kwiqela leSundowns, ongumdlali wasesiswini oneminyaka elishumi alinesibhozo. Kwimidlalo emibini yeligi adlale kuyo, uNkosi ungene uqalwa omnye wayo.  

UThapelo Maseko 

Iqela leSuperSport United sele lifumene izicelo ezibini ezivela kwiqela laseBelgium iKV Westerlo kuba linomdla wokuthatha lomdlali uneminyaka elishumi elinesithoba, osele efake amanqaku amane kwimidlalo engamashumi amabini ananye ayodlalileyo kwiPSL.  

UMduduzi Shabalala 

Lomdlali uneminyaka elishumi elinethoba, udlala indawo yokuhlasela sele ekwisigaba sesibini sokudlaleli iligi ephambile, kwaye ngoku sele ezenzele igama njengomdlali ongundoqo kwiqela leKaizer Chiefs. UShabalala sele edlale imidlao elishumi elinesixhenxe kwiPSL, wafaka amanqaku amabini kwaye wancedisa ukufaka inqaku kuyo yonke imidlalo yokhuphiswano.  

UWandile Duba 

Waqala ukudla kwimidlalo yokhuphiswano kwiqela leKaizer Chiefs eneminyaka elishumi elinesibhozo, ngosuku olwandulela inyibidyala, Ngoku uDuba sele edlale imidlalo emihlanu.  

ULuphumlo Sifumba 

Lo mdlali uneminyaka elishumi elinesixhenxe, ubalelwa kwinqanaba eliphezulu nguEric Tinkler. Uqale ukungcamla umdlalo wePSL kwimpelaveki ephelileyo edlalela iCape Town City ngethuba engena njengomdlai obekhupha omnye umdlali ngethuba bedlala neOrlando Pirate.  

ULuke Daniels 

UTinkler akawuvali umlomo ngalomdlali waphambile, uneminyaka elishumi elinethona weqela leCape Town City. Kulindeleke ukuba afake inqaku lakhe lokuqala nangona sele edlale imidlalo elishumi kuyo yonke imidlalo yokhuphiswano. 

UOlwethu Makhanya 

Umzimba wakhe oyingxilimbela umenza angabonakali ukuba uneminyaka elishumi elinesibhozo, kuba lomdlali wasesiswini nangasemva kwiStellenbosch iziphethe njengesisele senyathi.  

UBandile Dlamini 

Iqela leRoyal AM lelona linabadlali abaninzi abaneminyaka ephantsi kwiPSL, kwaye uDlamini oneminyaka elishumi elinethoba, odlala esiswini uyazama ukuba ngomnye wabadlali abasoloko beyinxalenye yemidlalo phakathi kwabadlali abanamava kwiqela lakhe. 

U-Aphgelele Teto 

Umqeqeshi weTS Galaxy uSaed Ramovic wamehlisela lomglali wasemaphikweni uneminyaka elishumi elinesthoba, uAphelele Teto, wambeka kubadlali abangamalalela kuba “emfanisa no Messi”, kodwa uzakuhlala engoyena mdlali wamaphiko unesakhono esiqaqambileyo kwiPSL.  

Umfanekiso ongasentla: Umdlali wangaphambile weMamelodi Sundowns uSiyabonga Mabena 

Imvelaphi yomfanekiso: Iqela leMamelodi Sundowns