Iphondo leMpuma Kapa lifumene iRenki yokuqala esebenzisa umnatha ukubhatala 

Ngu Anita Dangazele

Izakuba yinto yamandulo into yokufolela ukukhupha imali ngaphambi kokuba ukhwele itaxi egodukayo, njengoko kuphehlelelwe eyokuqala irenki ekusetyenziswa izithuthi ongabhatali ngamali esandleni kuzo kwiphondo leMPuma Kapa.  

Iqumrhu lezithuthi zikawonke wonke i-Uitenhage-Dispatch Taxi Association (UDTA) ekummandla waseNelson Mandela Bay eKariega ibe yeyesibini kweli, ukuba inikeze iinkonzo zezothutho apho ungabhatali ngemali esesandleni kuwe, ilandela irank yaKwaMashu kwiphondo laKwaZulu-Natal. 

I-UDTA ithe emva kokufumanisa ukuba abakhweli babo sele beqhelile ukusebenzisa iinkonzo zokubhatala besebenzisa umnatha ingakumbi emva kokuntlithwa yiCovid-19, babone kufanelekile ukuba bahambe namaxesha nabo. Yilonto bephehlele iinkonzo zokubhatala kusetyenziswa umnatha kwicandelo letaxi. 

I_UDTA isebenzisana nenkampani ehlinzeka ngeenkonzo zokuhlawula isebenzisa umnatha iPayzee. IPayzee isebenzisa iAPP inika umkhweli ithuba lokunika umkhweli indlela yokubhatalela ukukhwela kwakhe esebenzisa indlela yokubhatala ngomnatha uScan-to-pay. 

Samsung Galaxy 14G

Ukuze akwazi ukuyisebenzisa umkhweli kufuneka afake leApp kwimfonomfono yakhe. Xa ebhatala uthi aScan[e] iQR code ehambiselana ne akhawunti yomqhubi, ze abhale imali akazuyihlawula. 

Lentlawulo izakuvela ngoko nangoko kwiApp yomqhubi. Ukanti intlawulo zenziwe ngohlobo lokuba zenzeke ngexesha elililo ngaphandle kolibaziseko, ukuze kubekhona ukukhululeka kumqhubi nomkhweli.  

“Abakhweli bethu bakhuthuzwa imihla nezolo, kuba oonqevu bayayazi ukuba abakhweli banyanzelekile baphathe imali kubo. Ngoku ngenxa yeliphulo abakhweli bethu abasanyanzelekanga ukuba baphathe imali,” utshilo.  

Umqhubi weTaxi uThabo Mashiya oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe uthe, wonwabile kwaye uxhalabile ngaxeshanye, kuba akazi ukuba abakhweli bazakuyithatha njani yonke lento.  

“Bathe abaphathi bethu bakusixelela ngalendlela yokubhatela, ndayithanda kuba ithetha ukuthi imirholo yethu izakufakwa kwi-akhawunti zethu zebhanki kwaye sizokwazi ukuvula iakhawunti. Ngoku sizokwazi ukuba siyibone imali yethu. Ngaxesha nye, ndinenkxalabo kuba andazi abakhweli bazakuzithatha njani ezindaba, sizakuthini ukuba ayisebenzi?” utshilo.  

Kwelinye icala abakhweli banembono ezohlukeneyo – abanye banoloyiko ngelixa abanye beyonwabele.  

UAsanda Mlilwana ongumkhweli uthe ulonwabele kakhulu eliphulo kuba liyancedisa kwaye longa ixesha.  

“Ndikholelwa ukuba izakusilungela. Ithetha ukuba asizuchitha xesha sifolele ukukhupha imali  kuba sizokwazi ukubhatala ngemfonomfono zethu,” utshilo.  

Omnye wabakhweli uSiphesande Klaas uthe unexhala kuba ezinye iindlela zeentlawulo zomnatha ziba yindlela yokukhuthuza abantu. 

“Andazi, andiqinisekanga ngayo. Sizakuthini ukuba yenye yeendlela zokukhuthuza abantu? Zininzi kakhulu iindlela zokukhohlisa abantu aphaphandle. Ndizakubona xa abantu abaninzi beqalisa ukuyisebenzisa,” utshilo uKlaas. 

Lenkqubo izakuqaliswa ukusetyenziswa kancinci kancinci. Okwangoku zizithuthi zeeTaxi ezilishumi elinesihlanu ezizakube zihlinzeka ngeenkonzo zokubhatala kusetyenziswa lenkqubo.  

Umfanekiso ongasentla: Igosa lakwaPayzee libonisa ukuba leApp isebenza njani 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Anita Dangazele.