Ingaba uNandipha wakoleka umzimba omnye kabini kumzi wokugcina izidumbu? 

Liveliswe yiGround Up

Ulwazi oludizwe ngamapolisa kumbutho weActionSA malunga nokweqa kukaThabo Bester lubonisa ukuba iqabane likaBester, uNandipha Magudumana, kungenzeka ukuba walanda umzimba omnye – kaKatlego Bereng – kumzi wogcino-zidumbu kabini. 

Utata kaBereng uBatho Mpholo, encediswa yiActionSA, uvulele amaziko ohlukeneyo karhulumente amatyala olwaphulo-mthetho. 

Ngokutsho kwamapolisa, umzimba otshisiweyo owafunyanwa kwisisele sikaThabo Bester ngobusuku awabaleka ngabo, yayingumzimba kaBereng. 

Kukho inqwaba yokungahambelani okungachazwanga kodwa amapolisa kunye nezinye iziphathamandla zikarhulumente ziyala ukuphendula imibuzo yeqonga iGroundUp. 

Usihlalo weActionSA eFree State uPatricia Kopane uqinisekisile ngoLwesibini ukuba kuvulwe amatyala olwaphulo-mthetho malunga nokubhubha kukaBereng. 

UMpholo, olilungu le-ActionSA uye wamangalela iSebe lezeMpilo eFree State kwiSikhululo samaPolisa sasePark Road eBloemfontein ngokutyeshela umthetho wezempilo weSizwe. Ukwaceba ukuthatha amanyathelo asemthethweni ngakwisebe leeNkonzo zoLuleko kunye nenkampani i-G4S. 

UBester waqhwesha kwiziko loluleko eMangaung ngomhla wesithathu kwinyanga kaCanzibe ngonyaka ka2022. Wenza umgunyathi wokufa kwakhe kwaze kwafunyanwa umzimba kwisisele sakhe, utshiswe ngendlela engabonakaliyo. Phantse unyaka emva koku, usapho lukaBereng lwaxelelwa ukuba umzimba ofunyenwe kwisisisele ngowakhe. 

UBereng walahleka ngeyoKwindla kunyaka ka2022 kwaye ityala lomntu olahlekileyo lavulwa ngekaCanzibe  ka-2022, ngokutsho kosapho. Olusapho zange lufumane lwazi ngokuqhuba kophando de kwaba ziiveki ezimbini ezidlulileyo xa umama kaBereng wacelwa iisampula yokwenza iDNA. Usapho alukavunyelwa ukuba luwubone umzimba. 

UMpholo kunye namalungu eActionSA bebebambe iintlanganiso namapolisa eBloemfontein imini yonke ngoLwesibini, befuna ingcaciso malunga nokuba uBereng wafikelela njani kwisisele sikaBester. 

UKopane uxelele iGroundUp emva kwemini ngoLwesibini malunga nento abayixelelwe ngamapolisa. Uthe kubonakala ngathi uBereng wafunyanwa engekho zingqondweni kwaye wathathwa yinqwelo yezigulana. Uxinzelelo lwegazi lwalusezantsi kwaye wabhubhela kwinqwelo yezigulana phambi kokuba afike kwisibhedlele sikaZwelonke eBloemfontein. 

Ngokutsho kukaKopane, umzimba kaBereng wasiwa kwindawo yokugcina izidumbu eFree State njengomntu ongaziwayo kwaye umzimba wafunwa liqabane likaBester uMagudumana. 

IGroundUp ayikwazanga kuqinisekisa icala likaKopanee ngeziganeko kuba izithethi zasekuhlaleni nezesizwe kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) abavumanga ukuthetha. Azikachazwa iintsuku zokubhubha kukaBereng, ukuba umzimba wakhe wasiwa nini kwindawo yokugcina izidumbu, okanye umzimba wakhe wafikanini kumzi wokugcina izidumbu, okanye kwakufanele afike nini uMagudumana ukuzothatha umzimba, ngaphambi kokuba uthunyelwe ngokungekho mthethweni eMangaung Correctional Centre. 

UMpholo noActionSA banyanzelisa ukubona ingxelo kagqirha kwabo babeqhube uBereng esiya esibhedlele kunye nesiqinisekiso sokubhubha kukaBereng. Bakwafuna uphando malunga nendlela umzimba kaBereng owakhululelwa ngayo kuMagudumana xa wayengeloqabane lakhe. 

Emva kokuba uBester ezenze obhubhileyo kwisisele ngenxa yomlilo, umzimba otshileyo, ekwakucingelwa ukuba ngokaBester ngelo xesha, wasiwa kwindawo yogcino-zidumbu eFree State  apho uvavanyo lomzimba lufumanise ukuba lo mntu wabhubha ngaphambi kokuba kuqhambuke umlilo, ngenxa yokwenzakala entloko. Akukacaci ukuba uBereng wawufumana njani lo monzakalo. 

Usapho lukaBereng lwamchaza ukuba mde, kodwa ngokwengxelo ye-postmortem, umzimba osesiseleni wawuyi-145cm kuphela, ebonisa umntu omfutshane kakhulu. Ugqirha wezifo zasenkundleni ukhe wachaza ngaphambili kwi-GroundUp ukuba kunokwenzeka ukuba ubude baqikelelwa ngendlela engeyiyo, ngakumbi njengoko umzimba ubukwimeko yosana olungekazalwa. 

Kwiintsuku ezimbini emva kokutsha, uMagudumana wawuthatha kwakhona umzimba kwindawo yokugcina izidumbu eFree State wawusa kwindawo yokugcina izidumbu eSoweto. Kubonakala kungumnqa ukuba uMagudumana ebezokwazi ukulanda umzimba omnye kumzi wogcino-zidumbu, kabini. (Kusenokwenzeka ukuba wawuthatha umzimba esibhedlele okokuqala ngqa.) 

Ngaphambili, iSAPS iqinisekise ukuba uMagudumana wabanga izidumbu ezithathu ezohlukeneyo kwindawo yogcino-zidumbu eFree State, esesithathu seso sifunyenwe kwesi sisele. 

IGroundUp izamile ukutyelela indawo yokugcina izidumbu kodwa yajikiswa ngabasebenzi bokhuseleko. Isebe lezempilo eFree State lalile ukuphawula. 

Umfanekiso ongasentla: uThabo Bester owaqhwesha kwiZiko loLuleko eMangaung ngomhla wesi-3 kuCanzibe 2022. 

Invelaphi yomfanekiso: YiGroundUp