
Ngu Celani Sikhakhane
Ifikelele kwelinye inqanaba ingxwabangxwaba emalunga nesiniki maxabiso esifikelel kuR2 million sokutyiswa kwabantwana ezikolweni.
Iqumrhu lephondo laKwaZulu Natal lityityinjiselwa umnwe ligrogriswa nangamanyalthelo onthetho emva kokuba lityholwa ngokujongela phantsi bakaManzini Zungu, onenkampani eyongamele usebenzi wesisiniki maxabiso sithethisayo.
Oko ithe yafumana esisinikimaxabiso lenkampani ebutsheni balenyanga, lenkampani ijamelene nobunzima ukunikezela ngokutya kwizikolo zikarhulumente ezingaphezu kwamawaka amahlanu eKZN, aphop kutyiswa abantwana abangaphezu kwezigidi ezibini.
UMsinsi Wokuzimilele okanye iSouth African Native Movement ibhalelel isikolo esiphambile iHilton College, ekusisikolo sabicala esizinze ePietermaritzburg, unyanzelisa ukuba abantwana bakaZungu babhangiswe kwesisikolo.
Iingxelo zithi, lencwadi ithi abantwana bakhe mabakhutshelwe ngaphandle kumagumbi okufundela de abe uzisombulule iingxaki malunga nokungatyiswa kwabantwana ezikolweni.
Inkampani yamagqwetha kaZungu iNorton Rose Fullbright, iyalele uMsinsi Wokuzimilele ukuba uhlukane nokubhebhethekisa izityolo ezingena sihlala zorhwaphilizo ngakumntu esebenza naye.
Kwimpendulo, eliqumrhu liphikile ukuba kukhona into engafanelelakanga eliyenzileyo, lisithi izenzo zalo zibangelwe kukohluleka kukaZungu ukuhlinzeka izidingo zabafundi.
UMsinsi Wokuzimilele wakuphikisa ukukhutshwa kwesisiniki maxabiso xa sasibhengezwa ekupheleni konyaka kunyaka ophelileyo, waphinda waphikisa xakwakubhengezwa ukuba inkampani yiyo kuphela ezakuhambisa ukutya ikusa ezikolweni.
UZungu ubhengeze ukuba, oko wathi wafumana esisiniki maxabiso, iilolizakhe zivaliwe kwizithili ezininzi zephondo laseKZN ukuba ahambise ukutya ezikolweni. Kwityala lokuba okunye ukutya kufika ezikolweni sele kubolile, uthe ngamanhye amaxesha abantu abahambisa ukutya kuye ezikilweni bafika kade ukulanda ukutya, nto leypo ibangela ukuba kuhanjiswe ukutya osele kumoshakele.
Nangona ekhona amakhwiniba, uZungu uthi phantse izizikolo ezikumyinga wamashumi aluthoba eselezikufumene ukutya.
UZungu avakalise ukuphoxeka kuba kumakhasi ezonxibelelwano bamdibanisa nokutya okubolileyo ekungekuko okwakhe. Uthe yena neqela lakhe basebenza nzima ukulungisa iingxaki abajamelene nazo ukuqinisekisa ukuba bonke abantwana bafumana ukutya ngexesha elifanelekileyo.
Imvelaphi yomfanekiso: UMfundi Wokuzimilela, iThe South South African Native Movement