Ingaba uzakungena eKanana uSiya Kolisi? 

Ngu Lucky Maree

Ngokufanayo noMoses owalibonayo ilizwe lesithembiso engapheshela komlambo, ingaba uSiya Kolisi uzokwazi ukuba yinxalenye yendebe yehlabathi? 

Ekuqaleni komdlalo wangomgqibelo phakathi kweSharks kunye neMunster, bekukhangeleka ngathi umonzakalo anawo edolweni awumngakanani. 

Kodwa unyanzeleke ukuba aphume ebaleni kumzuzu wesixhenxe kuba ubengene ngenkani yakhe – nangona ibonakalisa impawu zothatho lomdlao – kwaye uphinde wabonakala ethetha nabalandeli emva komdlalo.  

Kodwa kufunyaniswe ukuba  umonzakalo osedolweni lakhe unobunzaza kunento ebekucingelwa ukuba uyiyo, nekuyinto eqhelekileyo kumnzakalo osedolweni. 

Umonzakalo obizwa ngeACL ngumonzakalo oqhelekileyo kwibhola yombhoxo. Imisipha egcina idlolo lime kwindawo efanelekileyo ifumana uxinzelelo olumandla ngenxa yohlobo lomdlalo lowo. Kuthi eminye imisipha yangaphakathi ixabe lingakwazi kugobela ngasemva idolo – nto leyo ibangela ukuba liqaqambe kanobom. Idolo yindawo ekunzima kakhulu ukulolula kuvavayo, kwaye kunzima nokulinyanga emva kokonzakala.  

Isenzo sikaKolisa sibonakalisa uthando nomfutho anawo kuba ukwazile ukuphuma athethe nabalandeli emva komdlao, nangona ubesezintlungwini.  

Iindlela zokunyanga umonzakalo wedolo azikho lula.  

Ukuba wenza utyando kuzakunyanzeleka uSiya angakwazi kudlala midlao yokhuphiswano iinyanga ezisixhenxe – nto leyo ithetha ukuba izakumphosa indebe yehlabathi. Ukuba ukhetha ukupholisa idolo lakhe ngaphandle kotyando, uzakubakhona kumdlao wendebe yehlabathi kodwa, kufuneka iiveki eziliqela apho azakuhlala engadlali.  

Ukanti kukhona umkhwa ongekhomhle ochwechwela iqela leSpringboks ngalo lonke ixesha bezakudla indebe yehlabathi. 

Ngonyaka ka1999, uNick Mallet wakhetha ukuthatha inkokheli yamabhokobhopko uBobby Skinstad aye naye kwindebe yehlabathi eWales endaweni yokuthatha uGary Teichmann. 

Ngeloxesha indlela awayeqhuba ngayo uMallett njengomqeqeshi wamabhokobhoko yayincomeka kakhulu emva kokukhuthaza uMzantsi Afrika wadlala imidlalo elishumi elinesixhenxe yovavanyo ilandelelana ungakhange ubethwe nakomnye. 

Kodwa isigqibo sikaMallett salibetha kakhulu ilizwe loMzantsi Afrika elalahlekelwa yindebe yehlabathi (Emva kokuba iSpringboks zaziyiphumelele ngonyaka ka1995). Yabayimpazamo awathi uMallett uyazisola ngayo (esitsho ngo2003). 

UTeichmann wayengu Kapteni owaziwa ngokusebenza nzima kubadlali bangaphambile, kanti uSkinstad wahamba enomonzakalo embandeni. 

UMallett wathatha uSkinstad njengenkokheli engeke likwazi ukudlala ngaphandle kwayo eliqela, kodwa uSkinstad wayengekho mfuthweni njengesiqhelo kwaye zange abenampembelelo ingako kolukhuphiswano.  

Kwaye kulapho kanye imvelaphi ifuna ukuziphinda, ityityimbisa umnwe ngaku Rassie Erasmus kunye noJacques Nienaber. 

Ukwenza ubungozi bokukhetha umdlali owonzakeleyo kusoloko kunobuzaza, kwaye amacxesha amaninzi kuphela abantu begixa iinyembezi.  

Ngaphandle kwamathandabuzo uKolisi, ngomnye wabadlali abanomthelela wokukhuthaza abadlali kwimvelaphi yamaBhokobhoko, kodwa ukuze akwazi ukubakhuthaza kufuneka naye abesemfuthweni. 

Ngokufanelekileyo uErusmus noNienaber, iincutshe ezimbini zebhola yombhoxo ziyakwazi oku. 

Kodwa noMallett wayethathwa njengompondozihlanjiwe kwezoshishino – wade wabe ubeka amathemba akhe okuphumelela indebe yehlabathi kumdlali olimeleyo.  

Izikhulu zebhola yombhoxo yoMzantsi Afrika (uNienaber noErusmus) kufuneka benze isigqibo esifanelekileyo.  

Umfanekiso ongasentla: USiya efumana unyango lwedolo lakhe elonzakeleyo 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter