
Umyezo wezilwanyana zaselwandle imaritime bay yaseAlgoa Bay kwiphondo leMpuma Kapa ubengowokuqala kwilizwekazi iAfrika ukuba ubone idolphin enqabileyo eyialbino.
Ibe lusuku olukhethekileyo kuLloyd Edwards, oligosa leRaggy Chatters maritime conservationist, obebhiyozela umtshato wonyana wakhe ekunye nosapho nabahlobo bakhe bekhwele isikhephe sakhe.
Kuthe phakathi kwibutho leedolphin ezimalunga namakhulu amabini, wabona itakane lomntwana wedolphin eliyi-albino linobude obulinganiselwa kwimitha – ekuyeyokuqala ukuba ibonwe kwilizwe laseAfrika!
Ubesele ecinga ukuba ubone konke kwiminyaka emithathu esebenza emanzini. “Ingaba ibeyimpazamo lendiyibonileyo!” utshilo ngochulumanco kudliwano ndlebe neqonga lendaba iPE Express.
“Ndithe xamdiphinda ndiyibona kwakhona, ibiyiyo kanye: intle inobude obulinganiselwa kwimitha, itakane ledolphin eliyi albino elilinganiswela ukua sele ligqibe inyanga.
“Ngokubona abantakwayo abancinci abakwisikolo esinye, ikhangeleka ikwimeko encomekayo ngoko mzimba,” utshilo.
Ingcali malunga nezilwanyana zasemanzini ichaze ngelithi imeko yeAlbinisism yenziwa kukubakhona kondonakele kumnombo obangeka ukuba ingabikho into ebizwa nge Melanini kwizilwanyana.
“IAlbinism ibangelwa kukutshintsha tshintsha komnombo ngokwentlobo zokohlukana kwawo, nto leyo yenza ukuba isilwanyana esizakuba yiAlbino ngupheleleyo sinqabe kakhulu,” utshilo.
UEdwards uthe kunqabe kakhulu ukuba kubonwe isilwanyana esinalemeko yeAlbinism kwaye bambalwa kakhulu abantu abakhe bayibone ukusukela ko1950 – nalapho kungekho ngxelo ibonakalisa ukuba ikhona eAfrika.
The dolphin iyialbini ibiqubha phakathi esizikithini selibutho ibihamba nalo, nto leyo ibonakalisa iindaba ezintle nezimbi. Nanjengoko ibikhuselwe kumaxhalanga anokuyitya, ikwazile ukutsala umdla wabantu, nto leyo ibangela inkxalabo yokubaningalotywa iye kugcinwa kwindawo zokugcina izilwanyana zaselwandle, kwi aquarium.
“Umzekelo nguAngel, owalotywa kwindawo edumileyo iTaiji Bay eJapan apho abazingeli babulala ngesihluku amakhulu khulu edolphins unyaka nonyaka. Le yasindiswa kwaye yabelwa kwindawo yokubonisa eTaiji aquarium,” utshilo.
Masithembe ukuba esisilwanyana sinqabileyo, sisihle ngolona hlobo sizakuyekwa siphile, sikhule kwindawo yaso yemveli kwaye oku kubonisa izinto ezintle ezizayo eAlgoa Bay kunye nomyezo wawo wezilwanyane zasemanzini.
Iqulunqwe yintatheli yethu
Umfanekiso ongasentla: IDolphin eiAlbino ebonwe kweliphondo leMpuma Kapa
Imvelaphi yomfanekiso: NguRaggy Charters