
Ngu Buziwe Nocuze
Lisele limangalisiwe iqumrhu le Gift of the Givers ngoMvulo xa abahlali baseGxagxa eKapa bengafuni kwamkela uncedo lweliqumrhu emva kweemvula ezine ngamandla zakhukhulisa amatyotyombe abo.
Ababahlali bebengafuni nokuva, bengafuni kutya, bengafuni ngubo benyanzelisa ukwakhelwa izindlu zesigxina endaweni yoko. “Sikhathele, asizifuni ezizinto kwaphela,” utshilo omnye wabahlali uLundi Diko oneminyaka engamshumi amathathu anesithandathu.
“Ngalo lonke ixesha amatyotyombe ethu ekhukhuliseka sifumana izinto ezinye,” utshilo lomhlali ukhathazekileyo.
“Sifumana ukutya, neengubo ayikho enye into esiyifumanayo.”
Bafumana izindlu zesigxina, hayi uncedo lwexeshana.
Nangona iqumrhu leGift of the Givers lichazile ukuba alinaxanduva lokwakha izindlu, abahlali khange balugobe uphondo, bebengafuni kwancedo lwexeshana.
UAmanda Matiki oneminyaka engamshumi amane uchaze ngelithi, ukwamkela kwabo ipasile zokutya kunye neengubo kuzakongenza kwiingxaki abajamelene nazo.
“Yintoni esizakuyenza ngokutya ukuba imvula iyabuya kwakhona ngelixesha sisahleli kulomgxobhozo?” ubuzile.
Noxakunjalo, ayingabo bonke abantu ebebonwabile ukubona iingubo nokutya kujikiswa.
Omnye wabahlali uthe ixakiwe ukuba kutheni abahlali bajikisa uncedo lweGift of the Givers.
“Ekuqaleni bendicinga bayadlala, ndabona kuba sele zihamba izithuthi zeliqumrhu kummandla wethu,” utshilo lomhlali.
“Into eyenziwe ngababahlali izakusivalela abanye abantu abazakusizisela uncedo. Singabanye besizifuna iipasile zokutya. Ababahla bejikise oluncedo khange bazijonge izidingo zabantu abangaphangeliyo.”
UAli Sablay ongumanejala weprojekthi zeGift of the Givers kwiphondo iNtshona Kapa uthe eliqumrhu liqubisana neemeko eziloluhlobo kuzwelonke.
“Ndihlale intlangansio nabo, kwaye ndiyakuqonda ukukhathazeka kwabo,” utshilo.
“Bathe ukuba kubuya iimvula kwakhona, ezizipho zizakonakala.”
USablay ukwamkele ukunyaniseka kwabahlali nezicelo zabo, kwaye uqhakamshelene nomphathiswa wesebe lozinziso loluntu ukufumanisa ukuba akukho ncedo banokulwenza kusini na. Bathembise ukuba bazakuhlala intlanganiso nababahlali ngokukhawuleza.
uSablay uthe eliqumrhu alinokwazi ukuqinisekisa ukuba lizakuohinda libuye, kuba baxaxekile kakhulu.
“Ndibanqwenelela okuhle kodwa,” utshilo evakalisa ukudandatheka kuba iqela lakhe lingakhange likwazi ukuncedisa.
Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseGxaxa eKapa bajikise uncedo lweGift of the Givers
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze