Agacela indawo yabaphila nokukhubazeka amasela ngexesha lokucinywa kombane

Ngu Buziwe Nocuze

Oonqevu bafumana ixesha lokweba izixhobo ezingundoqo kwindawo ehlala abantu abaphila nenkubazeko iSonwabile Disabled Cente ngexesha likacimi-cimi wombane kwilokishi yaseNyanga kwiphondo leNtshona Kapa. 

Umanejala walendawo oxhwalekileyo kwaye nokhathazekileyo uSudi Kapangura ukholelwa ukuba lemigulukudu ikwenze oku ngexesha lobumnyama bokucinywa kombane, bagqekeza bakwazi ukungena. 

“Kuvakale ngathi liphupha into yokubona iidesika zizihlalele zodwa zingekho ikhomputha,” utshilo uKapangura. 

Lendawo ilahlekelwe ziikhomputha ezintandathu, umnxeba weofisi onentambo omnye, iminxeba emithathu engenantambo kunye neRouter. Unogada uphawule ukuba kugqekeziwe ngentseni yangoMgqibelo malunga nentsimbi yeshumi.  

Samsung Galaxy 14G

Ezizixhobo zibiweyo zenze ukuba lesenta ingakwazi ukuncedisa abantu abaphila nenkubazeko ngeenkonzo zokubancedisa bakhangele umsebenzi. 

“Besinedesika yokuncedisa abantu abakhubazekileyo ngokukhangela imizebenzi, nokubenzela iCV,” utshilo uKapangura. 

Lendawo ibisebenzisa ezikhomputha ukuncedisa abantu abakhubazekileyo bafake izicelo zemisebenzi kunye nokuthunela iCV zabo. Ngoku, abasakwazi kwenza njalo kuba abakwazi kungena kumnatha.  

Unobhala wequmrhu lamapolisa asekuhlaleni eNyanga uDunisani Qwabe uthe kubuhlungu kwaye kuyakhathaza ukuba abahlali abamsulwa, abazizamela nzima ukuphila ngokunyaniseka, baphazanyiswa ngoonqevu abophula umthetho.  

“Ukucinywa kombane yingxaki ebalaseleyo. OOnqevu bayawazi amaxesha okungabikho kombane kuba bawafumana emnatheni, kwaye bayakwazi ukuceba wonke umsebenzi abazakuwenza wokugqekeza ezilokishini,” uTshilo uQwabe.  

Ukholelwa ukuba kuzakubanzima ukuba inkonzo yesipolisa ibafumane abarhanelwa.  

“Ngexesha likacimi-cimi wombane, ikhamera azisebenzi,” utshilo uQwabe.  

UQwabe umemelela abahlali ukuba bangazithengi izinto ezebiweyo,kodwa baxele ezizigebenga kwinkonzo yesipolisa. Uthe isiganeko sokugqekezwa eSonwabile Disabled Centre sesinye nje seziganeko kwezininzi zokwebiwa okwenzeka elokishini, ezishiya bahlali beziva bengakhuselekanga kwaye bexhwalekile. 

Isithethi senkonzo yesipolisa eNtshona Kapa uCaptain Frederick Van Wyk uqinisekisile ngesiganeko sokugqekezwa eSonabile Disabled Centre.  

Akukhomntu sele ebanjiwe okwangoku, kwaye uphando luyaqhuba. 

Umfanekiso ongasentla: USudi Kapangara ongumanejala weSonwabile Disabled Centre, ekavalisa ukudandatheka ngokwebiwa kwezixhobo 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze