
Ukuba unokukhetha ungakhetha uManie okanye uSacha – okanye ngeke ukhethe kwaphela?
EZEMIDLALO: Abadlali abazithembayo baphumelela imidlao – de kube kuphela ukuzithemba, kubhala uLucky Maree.
UManie Libbok ufike kwiStomers engaphathanga rekhodi lihle kangakanani, njengoko ebevela kwiqela leSharks. Ubengumdlali obebanomfutho ovela utshona ixesha elide edlala kwelaqela kwaye elinyathelo lalingakhangeleki njengelinobungozi kweliqela laseNatal.
Uthe akufuka eKapa, waqaqamba nangakumbi.
“Ndifikile ekhaya”, utshilo, encoma indlela ekuqhutywa ngayo kweliqela kunye nomqeqeshi uJohn Dobson. Ngoko nangoko uqalise ukudlala ibhola yombhoxo encomekayo. Ngokwenene ufikelele ekhaya.
Kulempelaveki udlale ngokuqaqambileyo, kwaye ubengumdlali ongundoqo kwimpumelelo yabo bebetha iqela leBenetton ngemanqaku angamashumi amathathu anesibhozo kwangamashumia ambini anesibini, nge Try ezintandathu kwezimbini. Ubuziva uvukelwa lilunda nje ngokumbukela edlala.
Kodwa kwimpelaveki ephelileyo kumdlalo neqela iMunster, apho ubedingeka nangakumbi ubekhangeleka engekho kwaphela – kwaye umdlalo wakhe ubungaphantsi komgangatho oncomekayo. Ukuthi nguye unobangela wokuba iStomers zibethwe nngamanqaku amabini kunganafaneleki, kodwa khange ancedise nganto.
Kukhangeleke ngathi ubephelelwe kukuzithemba.
Malunga nexesha elinye eli uLibbok ubedlala neBenetton, uSacha (Feinberg) Mngomezulu ubedlala iblinder edlalela iqela leWEstern Province.
Ufake itry, wafaka inqaku lepenathi waphinda wafaka amanqaku amabini okuguqula kwaye ubekhangeleka ekuyo yonke indawo.
Ukudlala ngasemva, bekungumdla omkhulu ukumbukela edlala njengoko ebesenza izigqibo ezincomekayo ngokuzithemba kwaye ekhangeleka ezibandakanya nazo zonke inzame zokuhlasela zeqela lakhe. Itry ayifake kwimizuzu yokuqala emithathu ibentle kakhulu kwaye imenze wanomfutho nangakumbi kulomdlalo. Ngokucacileyo ibingeyompazamo yakhe into yokuba iPumas zibethe iWestern Province ngenqaku elinye ebihamba phambile ngalo.
Kukhangeleka ngathi inkwenkwezi kaMngomezulu uya iqaqamba. Ingaba yintlekele enkulu ukuba inkwenkwezi kaLibbok ingatshabalala.
Ababadlali babini bathatha indima zokukhaba kumaqela abo – kwaye bobabini bayakwazi ukuqaqamba kanobom okanye bakwenze ubanbe amazinyo za zonke izinto zingahambi kakuhle ngokudlala kwabo.
Ingaba uchonga umdli kuba engumdlali encomekayo okanye kuba ekhaba kakuhle? Ngumbuzo omdlala ngokulinganayo nebhola yombhoxo uqobo lwayo. kwimidlalo yanamhlanje umdlali okwazi ukukhaba kakuhle uyakwazi ukufaka amanqaku nokuba ukweyiphi indawo ebaleni kumhlaba weqela aphikisana nalo, yilonto ingumbuzo obalulekileyo.
Iqela leStomers lizakudlala umdlalo wokungenela kwiRugby Championship liqubisana neBulls ngokukhawuleza, nto leyo ithetha ukuba uJohn Dobson uzakube enabo abadlali azakukhetha kubo abakhabayo – kuquka uLibbok noMngomezulu phakathi kwabobadlali.
Ukanti kwingomso elingekude kangakanani, kukhona imidlalo emithathu ebalulekileyo yeqela leSpringboks lidlala neAustralia, iArgentina kunye ne New Zealand. URAssie Erasmus kunye no Jacques Nienaber bajamelene neengxaki ezifanayo nezika Dobson. Ngelixa uHandre Pollard ezakuba ngumdlali wokuqala ukukhethwa kwi Flyhalf nokukhaba, ngubani ozakumxhasa ekukhabeni? Kunokwenzeka ibe nguDamian Willemse, kodwa uLibbok noMngomezulu bangakwazi ukungena bancedise.
Kodwa bobane ababadlali baziwa ngokuba ngabadlali abatshona bevela ngokuba semfuthweni. Siyayazi sonke ukuba ngubani umdlali okhabayo othembakeleyo kuMzantsi Afrika, kodwa ngeke udlale uMorné Steyn kwakhona, ingaba ingenzeka lonto? Uthini ngomdlali osiscrumhalf weLions uSanele Mphamba? Ukuba ufuna umdlali okhabayo, phantse ngalo lonke ixesha uyawenza umsebenzi kwaye usebenzi wakhe uyancomeka kwelocala.
Bonke ngabadlali abazithembayo. Kwaye eyona ngxaki ingundoqokukuba abadlali abazithembayo badlala kakuhle kakhulu xa uxinzelelo luhlile, kodwa kulula ukuba baphume emfuthweni xabephantsi koxinzelelo. Kufuneka lithathe izigqibo ezinzima iqela leWestern Province, kwaye kuzakuba ngumnqantsa ukukhetha kwiqela lamaBhokobhoko.
Umfanekiso ongasentla: NguManie Libbok
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter