UMzantsi Afrika ubuyele kwakhona kwisigaba sesithandathu sikacimi-cimi wombane

Ngu Zukile Majova

Siphelele emoyeni isithembiso seveki engcono kushishino namakhaya ngomvulo emva kokuba uEskom ephinde wanyusa isigaba sokucinywa kombane ukusuka kwisigaba sesithathu sayakutsho kwisigaba sesithandathu emva kokuba iiyunithi ezisixhenxe zokuvelisa umbane zithe zophuka. 

Eliqumrhu livelisa umbane lihlaziye ngokutsha ukucinywa kombane ukusuka kwisigaba sesithandathu ukuya kwesesithathu nesesine ngempelaveki. Okukuncitshiswa bekulindeleke ukuba kube ziindaba ezichulumancisayo kumashishini kuleveki emva kokuba iveki yonke kwiveki ephelileyo isigaba sokucinywa kombane ibisisgaba sesithanldathu.                                               

Izigaba eziphezulu zokucinywa kombane sele zikucuthe ngomyinge wepesenti ezimbini ukukhula koqoqosho kwaye kutyabula uqoqosho lweli imali efikelele kuR1 billion ngosuku.  

UEskom uthe izikhululo zombane ezintlanu – iDuvha, iGrootvlei, iKendall, iMajuba, neMedupi ngasinye siphulukene neyunithi yokuvelisa umbane ngelixa isikhululo saseKriel siphulukene neeyunithi ezimbini. 

Nangona izikhululo iCamden, iTutuka neMatla zibuyisele emsebenzini iiyunithi enye kuso ngasinye oku bekungonelanga ukuhlangabezana neemfuno zombane eziphezulu zasemvakwemini norhatya. 

Oku kuza kanye emva kokuba iziphathamandla zombutho weANC bezihleli intlanganiso ethathe iintsuku ezine kuqulunqwa umceli mngeni wokunqongophala kwamandla emva koko zaxelela isizwe ukuba zikhona izicwangcwiso abanazo.  

Umphathiswa wezoMbane uKgosientsho Ramokgopa uxelele amajelo eendaba ukuba babeke uhlahlo lwabiwo-mali olungaphezulu kwamashumi amathathu eebhiliyoni zeerandi yedizili kunye nesicwangciso zokunqumamisa izikhululo esele zindala ziphelelwe lixesha lokuphehla umbane ezisebenzisa amalahle.  

“Ungenelelo lokuqala kukusebenzisa  iinjini zerhasi, kwaye siyazi ukuba umthamo okhoyo uphelele ku5,300 MW. 

“Kwaye ungenelelo oluphambili kukufumaneka kwedizili.” 

Uthe kumyinge ka-18% wokonyuswa kwamaxabiso entengo yombane wakwaEskom eyaphunyeleliswa yiNersa, babekele bucala uhlahlo lwabiwo-mali lwe-R8 billion ukuze ithenge idizili, ngelixa iR22 billion izakuphuma kwisibonelelo semali evela kuMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana. 

UMongameli uCyril Ramaphosa, okhokele iinzame zokunciphisa ukuxhomekeka kakhulu kumaziko aphehla umbane wamalahle, uthe urhulumente angalibazisa ukuphelisa amaziko ombane amadala ngaxeshanye amilisele iNkqubo ye-Just Energy transition exabisa i-R155 billion ukusuka kwimveliso zombane ezisebenzisa amalahle ukuya kwimveliso ezisebenzisa iindlela zokuvelisa umbane ohlaziyekayo. 

“Umsebenzi onzima uyaqhubeka ukuzama ukunciphisa ukucinywa kombane ngokuphucula ukusebenza kwamaziko okuphehla umbane akwaEskom.” Uthe, oku kuquka ukubuyisela emsebenzini iiyunithi zokuphehla umbane kwizikhululo iKusile neMedupi kunye nokuphucula umgangatho wamalahle abonelelwa kwizikhululo zombane.