Lisemfiliba ingomso labemi beli abase Sudan

Kusekude ekubeni bahlangulwe abemi boMzantsi Afrika abangamashumi asixhenxe anesixhenxe, abavaleleke kwilizwe laseSudan njengoko kugquba impi kwelalizwe. 

Igosa eliyintloko yonozakuzaku beli kwisebe lobudlelwane namazwe ehlabathi kunye nentsebenziswano (Dirco) uClayson Monyela uthe amaqumrhu ezokhuseleko “sele ehambe umgama omkhulu” kwinzame zawo zokuhlangula abemi beli kunye noonozakuzaku, kodwa impi eqhubayo eSudan yenze oku “kwayinkqubo enobungozi nengumngcipheko”. 

UMonyela wongeze ngelithi isikhululo seenqwelo moya sivaliwe kwaye akukho nalinye izibuko eliphuma kwelalizwe elingenabungozi.  

UMonyela uthe isebe iDirco linxulumana nabemi boMzantsi Afrika ngokusebenzisa ikhasi likaWhatsApp eliquka nabasebenzi be-embassy nabo abavaleleke bengenandawo eSudan.  

“Kuzakumane kukhutshwa izaziso malunga nenkqubela phambili,” utshilo. 

Samsung Galaxy 14G

Amanye amazwe afana neFrance, i-Italy, iTurkey kunye neUnited States sele ebahlangulile abemi bawo abebeseSudan. 

Impi yesikhaya ephakathi kwentloko yomkhosi welalizwe uAbdel Fattah al-Burhan namajoni akhe kunye nomkhosi we Rapid Support Forces (RSF) zalowo wayesakuba ngusekela wakhe uMohamed Daglo ishiye abantu abangaphezu kwamakhulu amane bephulukene nobomi babo kwaye amawaka waka waka engxwelerhekile. 

Lempi iqale ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga kaTshazimpuzi, ibangelwe kukungavisisani ngezicwangciso zokudityaniswa kweRSF kumkhosi welalizwe, ekwakungumqathango obalulekileyo kwisivumelwano sokubuyisela inkululeko yaseSudan emva kokubhukuqwa kwalowo wayeyinkokheli yela lizwe u-Omar al-Bashir ngonyaka ka2019. 

Lamadoda mabini, awaqala ngokusebenza ecalanye ukubhukuqa urhulumente owawulawulwa lilizwi lomntu omnye emva kokuwa kukaBashir, sele ejikelene ajongana ngezikhondo zamehlo.  

Njengoko kubonakala ukuba akukho nto ibonakalisa ukuba lempi izakuphela ngoku, ingomso labemi boMzantsi Afrika abadingayo eSudan lisemfiliba. 

Iqulunqwe yintatheli yethu 

Umfanekiso ongasentla: Impi nobundlobongela obuqhubayo eSudan 

Imvelaphi yomfanekis: Ikhasi likaTwitter