Ngu Doreen Mokgolo
Inja egama lingu Betty ifumene ukuhlonitshwa ‘kweqhawe’ ngumnikazi wayo emva kokuba ifumanise isandla somntu ngentseni yangoMvulo.
Oku kunyanzelise ugqogqo olwenziwe licandelo lamapolisa iK-9, elijongene nogqogqo kunye nohlangulo, kwaye ekuhambeni kwemini ngoMvulo amapolisa afumanise umzimba wendoda ekhangeleka ikwiminyaka yamashumi amabini.
Lendoda ingekaziwa ukuba ngubani, ifunyenwe kwidama lamanzi kwindawo enengca eyimizi ekhula emanzini.
Ilungu lasekuhlaleni libone uBetty ebaleka ephuma kumsele okufutshane ephethe isandla esikhulu.
“Ndiyifumene isitya iminwe kwaye ndikwazile ukuthetha nayo yakwazi ukuyekelela ukusibamba, emva koko ndisikhuphele ngaphandle kweyadi yomniniyo ukuze lenja ingakwazi ukufikelela kuso,” utshilo uBanzi Vilakazi oziboneleyo.
Ngokokutsho koziboneleyo, esisandla besikhangeleka sisesitsha kuba besinegazi kwaye singenavumba lokubola.
Umnikazi wenja uBetty, uMathew Ntimbane uchaze ngelithi inja yakhe iphuncuke kwindawo ebibotshelelwe kuyo yayakuzikhangelela ukutya, emva koko yabuya iphethe isandla somntu.
Ekuqaleni uNtimbane ubecinga uBetty utya iintsalela zesilwanyana kodwa uzive othukile akuva ngommelwane ukuba ibisitya isandla somntu.
“Inja yam ibe liqhawe ngokubhaqa esisandla,” utshilo, wongeza ngelithi uphinde wayibuyisela kulomqolomba ukuze bakhangele umzimba opheleleyo.
“Kudala ndikhangela umzimba opheleleyo nenjayam uBetty ngaphandle kwempumelelo, bendirhanela ukuba umzimba awunokuba kude kuba ibisoloko isiya ibuyelela kulandawo inengca ekhula emanzini,” utshilo.
Abanye abahlali bangenelele ukukhangela kwaye bavula kulemiqolomba ibigcwele yingca ende ngolona hlobo, ngethuba bebelindele icandelo leK-9 logqogqo nohlangulo.
Isithethi samapolisa aKwa-Thema uConstable Nkululeko Magudulela uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokubulala.
“Umfi kusalindeleke ukuba afaniswe,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
“Simemelela nabanina onolwazi olunokwenza amapolisa abambe unrhanelwa aze ngaphambili.”
Umfanekiso ongasentla: Ubetty nomnikazi wakhe uMathew Ntimbane
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Doreen Makgolo