
Ngu Zukile Majova
Indoda yephondo leMpuma Kapa ibekwe ityala lokufunyaniswa nelungu lomzimba womntu emva kokubanjwa izama ukuthengisa ilungu langasese lendoda esele ikhulile.
Lendoda ibikhangela umthengi wesisitho kwaye ibikrweca nabani na onokuthenga kwidolophu yaseGcuwa.
Uthe akubona ukuba akafumani mthengi edolophini, lendoda ineminyaka engamashumi amathathu anesibini ihambe yayakuzama intlahla kudederhu lweevenkile, apho abathengi bakhe abathembileyo bamfunze ngamapolisa, wabanjwa kanye esathengisa.
Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthe: “Kutyholwa ngelithi umrhanelwa ubanjwe ngabahlali, emva kokumfumana nelungu langasese lendoda kudederhu lwevenkile eGcuwa ngenjika langa yaNgolwesine. Kukholeleka ukuba ebefuna umntu azakumthengisela.”
UNkohli uthe uphando lwabo lokuqala lubonakalise ukuba elilungu likhutshwe kwindoda eneminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo yesithili saseOR Tambo, esesibhedlele.
Lendoda ibizama ukuthengisa elilungu ivele okokuqala kwinkundla kamantyi eGcuwa kodwa izakubuyiselwa eMthatha apho izakubekwa ityala lokuzama ukubulala.
Umkomishinala wamapolisa wephondo leMpuma Kapa uLieutenant General Nomthetheleli Mene uthe: “Esi sisenzo esinganyamezelekiyo kwaye sinoburhalarhume. Izenzo zomrhanelwa zibonakalisa ubulwanyana kwaye ubulungiswa kufuneka budlale indima yabo.”
Amapolisa athe zikhona iziganeko ezithe gqolo ukwenzeka kulo lonke eli apho abantu bakhutshwa amalungu omzimba kuba kuzokwenziwa amayeza ngokwentengiselwano ezingekhomthethweni ezenziwa ngamaxhwele anyanga ngamachiza emveli.
Isithethi samapolisa kwiphondo laseKZN uColonel Thembeka Mbele uxelele amaqonga eendaba ukuba kwabanjwa indoda eMargate ngonyaka ka2018 ithengisa amalungu omzimba ukusukela kwimadlana engamawaka amane eeRandi.
“Kugqogqo olwenziwayo bafumanisa ibhakethi elinentloko yomntu, isandla, ilungu langasese kunye namanye amalungu onzimba awayesikwe azipisi ezincinci. Lendoda yaqinisekisa emapoliseni ukuba ngenene ngamalungu omzimba womntu, waphinda waxelela amapolisa ukuba usebenzisa lamalungu ukuphilisa abantu.”