Usapho lakwaMandela lulwela ubukumkani balo

Ngu Celani Sikhakhane

Abazukulwana bomtshana kaNelson Mandela balwisana nesigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMantla eRhawutini ebhengeze ukuba ubukumkani babo abukho. 

UbuKumkani babaThembu baseNtshona basekwa yinkokeli yelizwe engasekhoyo uNkosi uKaiser Daliwonga Matanzima ngonyaka ka1980. Bafunyaniswa yiKomishoni kaNhlapho ngo2010 ukuba abukho mthethweni ngenxa yokonakaliswa yinkqubo yobukoloniyali kunye nocalucalulo. 

Igqwetha lobuKumkani babaThembu baseNtshona, uSimeon Ngomane, uxelele iqonga leendaba iScrollla.Africa ukuba isigwebo senkundla ngakubo senziwa ngonyaka ka2017 kwaye ngoku bazakufaka ingxelo yesifungo ukuze esisigwebo sibekelwe bucala. 

“Emva kokufunyaniswa yiKomishoni kaNhlapho ngo2010 ukuba ubuKumkani babaThembu baseNtshona abukho, siye saya ezinkundleni ukuze kuphononongwe ingxelo yekomishoni. Ngo2017 inkundla yasigweba, ngenyanga yeThupha kunyaka ka2022 safaka isicelo sokuba sirhoxiswe, sayalelwa ukuba masibafake ingxelo yesifungo yokuphendula kule nyanga,” utshilo uNgomane. 

Kwiveki ephelileyo kubonakele ngathi isigwebo senkundla sele senziwe ngokuchasene nabo. UNgomane wacacisa ukuba esi sigwebo senziwe ngo2017. 

Iziphumo zale komishoni zidize ukuba uMatanzima wasusa umzala wakhe esihlalweni uKumkani uSabatha Dalindyebo encediswa ngurhulumente wengcinezelo. 

UMatanzima, owayengumtshana wongasekhoyo owayengumongameli wokuqala ontsundu eMzantsi Afrika uNelson Mandela, wabhubha ngo2003 ngaphambi kokuba uThabo Mbeki amilisele iKomishoni kaNhlapho. 

Kwiikumkani zaseMzantsi Afrika ezilishumi elinesibini, lekomishoni yafumanisa ukuba ezintandathu kuzo zazisisiphumo sobukoloniyali nocalucalulo, ngako ke zazingekho semthethweni. 

Ubukumkani babaThembu baseNtshona buzinze eKomani kwaye buneenkokheli zemveli ezimalunga namashumi amabini. 

Inkosi ekhoyo ngoku nguKumkani uDalimvula Matanzima. Ohleli kwisihlalo sobukhosi ukusukela kweyeSilimela ngo2010 emva kokusweleka kukayise owathi wathatha iintambo ngo2003 emva kokusweleka kukayisemkhulu kunye nomtshana kaNelson Mandela uKumkani uKaiser Daliwonga Matanzima. 

Umfanekiso ungasentla: uKumkani uDalimvula Matanzima wobukumkani baseNtshona babaThembu kunye noKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo wesizwe sabathembu.