Unyanzelisa iimpendulo uyise wendoda eyasweleka kwisisele sikaBester 

Ngu Tladi Moloi

Utata wendoda ekwasetyenziswa umzimba wayo kwiyelenqe lokweqhwesha kukaThabo Bester kwizisele zakhe zentolongo uxelele iqonga lendaba iScroll.Africa ukuba unyana wakhe wayengelobanjwa kwaye akazange abanjelwe naluphi na ulwaphulo mthetho. 

Kodwa umzimba wakhe wafunyanwa kwisisele sentolongo kaBester, owabanjelwa ukubulala kunye nokudlwengula. 

UBatho Mpholo uthe ufuna iimpendulo kwiSebe lezoBulungisa malunga nokuba umzimba wonyana wakhe ongasekhoyo, uKatlego Junior Mpholo, owayeneminyaka engamashumi amathathu ananye  wangena njani kwiziko loluleko eMangaung eBloemfontein. 

Ekuqaleni, umzimba otshisiweyo ofunyenwe kwisisele bekukholelwa ukuba ngokaThabo Bester ogwetyelwe ukubulala. Kodwa emva kovavanyo lomnombo, lomzimba wafunyaniswa njengowo ngasekhoyo uKatlego. 

UMpholo uxelele iqonga leendaba iScrollla.Africa ukuba urhanela ukuba unyana wakhe waxhwilwa, wabulawa, wagcinwa ndaweni ithile de umzimba usetyenziswe ukwenza nantoni na ebicetyiwe. 

“Oku akivakali, okokuqala nje unyana wam akazange abanjwe kwasekuqaleni,” utshilo. 

“Sineenkqubo zokhuseleko kwiziko loluleko ezijonga yonke into. Kodwa ngenxa yokuba inkqubo yethu yonakele, umzimba wonyana wam wasetyenziselwa ukukhulula isaphuli-mthetho. Ndifuna ubulungisa kunyana wam kwaye ndiza kubulwela. 

Uthe uzakuba seBloemfontein kule veki ukuza kukhangela ukuba basenako na ukuwikhanya lo mzimba. 

“Ndifuna ukubona ukuba umzimba utshiswe kakubi kangakanani okanye sisenganako na ukuwuqaphela,” utshilo. 

UMpholo uthi ngenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo wacela uMonica Matsie ongunina kamfi ukuba avule ityala lomntu olahlekileyo emva kokuba besokolile ukufumana unyana wabo. 

“Ndaye ndabanexhala xa ndingamboni kumakhasi onxibelelwano kuba ebehlala enento ayibhalayo,” utshilo. 

“Ndiqonde ukuba manditsalele umnxeba umama ajonge ukuba uphi na uKatlego. Siye sajonga kuzo zonke izalamane zethu yaye kwangabikho namnye uthethileyo naye.” 

UMpholo uthi ezi ndaba zimbi zivele ngoMgqibelo xa uvavanyo lomnombo lubuye lusithi umzimba ngowakhe. 

“Umama wakhe utsalelwe umnxeba ngamapolisa afike amthatha amsa kwamakhulu apho afika adalula oludaba kubo,” utshilo. 

“Nangona kunjalo, abakwazanga ukuya kumzi wogcino-zidumbu beyojonga isidumbu nanjengoko bexelelwe ukuba indawo ebekugcinwe kuyo ivaliwe. 

Isithethi samaPolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe ukhuphe ingxelo esithi: “Nangona zinzima ezi ndaba, iSAPS iyakuvuyela ukuba usapho luzakufumana ukuxola.