
Ngu Zukile Majova
Umbutho weANC ukulungele ukwenza ubudlelwane bolawulo kurhulumente nawo onke amaqela aphikisayo, abahlobo nentshaba.
Lowo wayesakuba yinkulubaphathiswa kwiphondo laseRhawutini uDavid Makhura, osele inguye okhokhele umbutho weANC kurhulumento lwentsebenziswano namaqela aphikisayo, ukhuphe ingxelo yokuqala yomgaqo nkqubo kwintlanganiso yentsuku ezine yesigqeba sikazwelonke sombutho weANC.
Ngokuchaseneyo nesibhengezo seActionSA, i-IFP kunye neDA ezabhengeza ukuba azizusebenza nombutho weEFF, uMakhura uthe iANC izakusebenza nawo onke amaqela aphikisayo ngokwahlukana kwawo.
Umseki weActionSA uHerman Mashaba uyibekele bucala yomibini lemibutho, iEFF kunye neANC.
Yabangumbutho weANC owathathela ngakuwo zonke izenzo ezibi zombutho weNew National Party ngonyaka ka2004.
“Nangona umbutho weANC ungaboni ngasolinye ngezopolitiko namanye amaqela ezopolitiko, akufunekanga siwubekele bucala xakujongwe urhulumento lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo, oko lontsebenziswano inenjongo zokwakha uluntu nelizwe lethu,” uMakhura uxelele amaqonga eendaba kwinkomfa ebibanjelwe eBirchwood Hotel eBoksburg.
Kusuku ngaphambi kwesisibhengezo, unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula uthe umbutho weANC usebenzisana neEFF.
“Intsebenziswano yaseRhawutini phakathi kweANC ne EFF izalwe kukwazi ukuba iANC isebenzisana namaqela aphikisayo ajonge ukuphucula iimpilo zabantu zibengcono,” utshilo uMbalula.
Unyulo lorhulumente basemakhaya lonyaka ka2021, lwashiya oomasipala abangamashumi amathandathu anesithandathu bexhonyiwe, kungekho mbutho uphumelele ngokucacileyo ukuba ukwazi ukuthatha ulawulo lwabo.
Ukusukela ngoko urhulumento lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo, olukhokhelwe ngumbutho weANC, iDA, kunye neIFP aluzinzanga kwaye lubuyisela umva kunikezelo lweenkonzo ezingundoqo ezifana namanzi, umbane, izindlu kunye nococeko.
UMakhura I ligxekile inyathelo leDA lokungafuni kusebenzisana neANC, kodwa wathi lombutho awubekeli ngaphandle ukusebenzisana neDA kurhulumento.
“Umbutho weDA uzama ukuthathela ngakuwo zonke iintambo kwaye ngokwenjenjalo ulwisana notshintsho olunokuba khona eMzantsi Afrika,”utshilo uMakhura malunga nenyathelo leDA kulawulo lwentsebenzisano yamaqela aphikisayo.
Umbutho weANC ufuna umthetho othi umbutho oneevoti ezininzi kufuneka unikwe ingqwalasela yokuqala ukuba udibanise urhulumento oluzakuxhuzula imikhala.
Kusemva kokuba wohlulekile apho umbutho ongundoqo ophikisayo uzakuvunyelwa ukuba ubeyinxalenye yorhulumento olutsha.
Umbutho weANC, owabeka inkokheli yombutho iAI Jama-ah uThapelo Amad ongusodolophu wesixeko saseJohannesburg, uthi ngoku oku kwakungahambisani nesivumelwano sevoti yesininzi.
Umbutho olawulayo wenza isiganeko esifanayo nas’Ekurhuleni apho yavotela uSivuyile Ngodwane weAfrican Independant Congress.
ETshwane, umbutho weANC wabeka uceba weCope uCllr Murunwa Makwarela njengo sodolophu. Kamva wabhengezwa njengoceba ongekho mthethweni kwaye wabekwa amatyala wobuqhophololo.