
Ngu Anita Dangazele
Abasebenzi bomasipala iNelson Mandela Bay kwicandelo lezamandla nombane babeke phantsi izixhobo ngoLwesihlanu befuna ukwazi ukuba unobangela wokunqunyanyiswa kwamagosa asixhenxe ekuqaleni kweveki.
Oku kunqunyanyiswa kulandela uphando olwenziwa lisebe lophicotho-zincwadi lwangaphakathi kwesi sixeko ngezityholo zobuqhophololo norhwaphilizo olufunyaniswe emva koqhushumbo olwenzeke kwesikhululo esincinci eGqeberha eCoega Industrial Development Zone ekuqaleni kweyoKwindla.
Oku kwabangela ukuba iinkokeli zezopolitiko zikamasipala zirhanela unyawo lwenfene kwaye ngoko nangoko zaqalisa uphando olupheleleyo ngonobangela wodubulo.
Olu qhushumbo lwashiya iindawo ezininzi zesi sixeko zingenambane, kuquka nelokishi enkulu yaseGqeberha iMotherwell kwakunye neshumi elinesihlanu lamashishini amakhulu adlala indima enkulu kuqoqosho lwesi sixeko kwezoshishino.
NgoLwesihlanu, abasebenzi abaninzi bachithe imini bezulazula kwiziko likamasipala kumgaqo iHarrower Street. Amapolisa ayebeke iliso egcine ucwangco.
Igosa leNehawu uAyanda Solani uthe phakathi kwabanqunyanyisiweyo abasixhenxe ngabaphathi beeofisi zakwaNehawu abaxhuzula imikhala kunye nasele basuka kwezizihlalo kwaye abathathu kubo ngabaphathi abaphezulu kwisebe lombane kumasipala ombaxa.
“Sibone iinkokeli zethu zinqunyanyiswa okwexeshana ngezityholo zokunganyaniseki kunye nokusetyenziswa gwenxa kweenkqubo zikamasipala, kodwa usodolophu uthethe into eyahlukileyo kwikhasi likaFacebook – wathi inxulumene neCoega IDZ, esingayazi nto ngayo.”
USolani uthi bafuna iimpendulo kumanejala wesixeko uNoxolo Nqwazi amtyhola ngokujongela phantsi ulawuli wesebe uLuvuyo Magalela, wagqiba noSodolophu uRetief Odendaal ukuba anqunyanyiswe aba basixhenxe.
“Sothuswe yincwadi kamanejala wesixeko echaza ngokunqunyanyiswa kwethu emsebenzini kuba sinolwazi lokuba uLuvuyo Magalela (umlawuli oyintloko weenkonzo) nguye onegunya lokwenza ezizigqibo, hayi abezopolitiko uOdendaal noNqwazi.
Ngako ke, sigqibe kwelokuba ingabilusuku loshishino njengesiqhelo – yilonto sigqibe ekubeni sibe noxolo kwaye sicele umntu ozakythetha nathi asichazele.
Oyintloko kwezopolitiko kwicandelo lezaMandla nombane uLance Grootboom uthi amanyathelo angaphakathi athathiwe ngokungqinelana nomthetho, ngezityholo zobuqhophololo norhwaphilizo ngaphakathi kulo masipala.
“Sithathe amanyathelo angaphakathi xa kurhanelwa ubuqhophololo norhwaphilizo njengoko siyalelwa ngumthetho,” utshilo.
“Aba bantu bafanele ukuba basemsebenzini kwaye bangabuzi imibuzo ngabantu abanqunyanyisiweyo, kwaye abakwazi kunyanzelisa impendulo kuMagalela kuba akananto yakwenza noku.”
Ukanti, i-ofisi kasodolophu weNMMB ikhuphe isilumkiso sophazamiseko olunokwenzeka kunikezelo lombane, okanye ukulibaziseka kokubuyiswa kombane emva kokucinywa kwawo.
Uthi oku kungenxa yabasebenzi abathile kwisebe lombane namandla abathintela abasebenzi ukuba basebenze.
“Ukusukela ngoLwesihlanu, abanye babasebenzi becandelo lezamandla nombane oko bezama ukugrogrisa abanye abasebenzi bezama ukuboyikisa ukuba bangawenzi umsebenzi wabo. Oku kukhokelele ekubeni ezinye iindawo zingabinambane kule mpelaveki sisuka kuyo. Njengoko umasipala engakhange akwazi ukufikelela kwezinye iindawo.” utshilo uOdendaal.
UOdendaal uqhubekeke wathi ngeCawa bafumene iingxelo ezithi abanye abasebenzi balo masipala baceba ukuvala zonke iintshukumo ngokucima umbane kwiindawo ezininzi kulomasipala.
Kwaye, kukho neyelenqe lokuthumba kuvalelwe umanejala kamasipala kunye nosodolophu kwiholo lesixeko.
Eli bali lisaqhuba.
Umfanekiso ongentla: Amagosa ecandelo lombane namandla eNelson Mandela Bay elungisa ukucima kombane.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe