
Ngu Micheal Madyira
IKaizer Chiefs ilahle amanqaku kwimidlalo emibini elandelelanayo yePremier Soccer League emva kokubethwa ngenqaku elinye kwimbande yesikhova yiSekhukhune United ekwibala lemidlalo iPeter Mokaba Stadium ngeCawe.
Inqaku likaSammy Seabi lilibeke endaweni ebanzi eliqela kwangomzuzu wesine uqalile umdlalo lanceda iSekhukhune yakufumana ukubetha Amakhosi kabini ngesizini enye, lafikelela esiphelweni udumo lokungabethwa imidlalo emihlanu ilandelelana.
Oku kube sisibetho esikhulu kwiChiefs, ephose amanqaku amahlanu kwimidlalo yayo emibini yokugqibela yeligi emva kokuba ibambene ngenqaku elinye neMarumo Gallants kumdlalo wayo odlulileyo.
Iqela lika Arthur Zwane lihleli kwindawo yesine kwiPSL ngamanqaku amahlanu ngaphantsi kwe-Orlando Pirates, ebethe iCape Town City ngamanqaku amabini kwelinye, kwiiyure ezingamashumi amabini anesine ngaphambi kwalomdlalo.
IChiefs yenze iimpazamo ngelona xesha linzima lesizini nto leyo ibashiye noxanduva lokuba kufuneka belinganisile ngamanqaku namaqela angaphambili kubo.
Iziphumo zangeCawe zenze uSekhukhune ukuba inyuke isuka kwindawo yesithoba ukuya kwindawo yesithandathu kuluhlu lwamaqela.
UZwane umangalise ngokuqalisa umdlalo ngoCole Alexander owayegqibele ukubonakala kumdlalo wokhuphiswano ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka2022.
Iqela ebebekhuphisana nalo iSekhukhune baphoswe zinkonzo zomdlali waseZambia owenzakeleyo uRodrick Kabwe.
Athe omabini la maqela engekazinzi kakuhle emdlalweni, uSiyabonga Ngezana wohlulekile ukususa ibhola enqunyulwe nguChibuike Ohizu yaze yawela ezinyaweni zikaSeabi, obethe uBrandon Petersen ngenqaku laMakhosi.
Ngomzuzu wamashumi amabini ananye, unozinti weSekhukhune uBadra Sangare ukwazile ukuchitha inqaku likaKeagan Dolly ebelinobuzaza.
Ekuqaleni kwesiqingatha sesibini, uDillan Solomons uzame ukubaleka eyedwa ngokuthembisayo kodwa umzamo wakhe wokugqibela ubungomelelanga.
Emva koko uPetersen uchithe ngobuchule ibhola kaVusumusi Mncube ephume ecaleni kwebhokisi ngomzuzu wamashumi amahlanu anesine.
Inzame ngenzame zohlaselo lweChiefs azikhange ziphume nanto njengoko iqela ebelisingethe lomdlalo beliwubambile lomdlalo lingafuni kwanqaku lingenayo.
Umfanekiso ongasentla: U-Ashley du Preez weKaizer Chiefs uzama ukufaka inqaku nangona ejamelene no-Edwin Gymah ongeva zithonga
Imvelaphi yomfanekiso: Kaizer Chiefs