
Incwadi evela eLimpopo: Inkqubo yokucinywa kombane iyakhathaza kakhulu, kubhala uThabiso Sekhula, ingaba ikhona enye indlela yokuphila nayo ngaphandle kokubuyela embo kwindlela ezaziphila ngayo izinyanya zethu?
Ukubona uluntu lusokola imihla ngemihla ngenxa yokungabikho kombane, ndiqinisekile ukuba izinyanya ziyasihleka – indlela esisokola ngayo, impilo zethu zifadalala iyure neyure kungekho mbane.
Kubi ngendlela yokuba side sibe nexhala ukuba izibane azicimi ngexesha ebesilindele ngalo. Kodwa okoko ndibuyele kwilali yam, ndiziqhelanisa nendlela yakudala yokwenza izinto.
Uyabona, izindlu zelali yam zaqala ukufakelwa umbane ngonyaka ka1996. Ndikhumbula kakuhle. Sasisandula ukungena kwindlu yethu yokuqala yezitena emva kokuhlala kwelona tyotyombe lingekho mgangathweni unokulicinga.
Yayilikhaya lokuqala likamama wam emva kokuba ephumile kwimizi yezalamane zakhe ekunye nabantwana bakhe abane. Umama yilento nithi yisethakga ngesiPedi, yintombi ecocekileyo. Umfazi olungileyo oqinisekisayo ukuba indawo ahleli kuyo icocekile. Igadi yakhe ibisoloko ingundaba-mlonyeni edolophini, nangona wayehleli etyotyombeni elalilihle iminyaka emithathu lingenawo umbane.
Wathi akufumana umsebenzi wakhe wokuqala wokutitsha, ekugqibeleni wakwazi ukwakhela abantwana bakhe indlu yezitena kunye nodaka. Andizi kungena kwiimvakalelo zokuba yayithetha ntoni kuye nakuthi. Okokuqala, sakwazi ukuba namagumbi ethu emva kokuhlala nosapho kunye nokwabelana ngamagumbi elona xesha lide kubomi bethu. Ndandineminyaka esibhozo ndingoyena mntwana umncinci ekhaya.
Ngenye imini, umama wafika nebhokisi enkulu yesikwere ekhaya ebizwa ngokuba yi-TV. Kule lali, iiTV zazikhona kodwa kusekutsha kakhulu ukufika kwazo – kangangokuba omnye umntu weba iremote control yeTV ecinga ukuba ngumnxeba.
Kwiiveki ezimbalwa emva koku, umama wachaza ukuba kukhona umntu ozayo ozakufakela umbane kwindlu yethu.
Unokungaqondi. Iinkwenkwezi kwilali yethu zazisoloko zikhanya, kodwa ngaloo mini, izibane zahlala zikhanya ubusuku bonke. Umntwana oyendim ndineminyaka esibhozo wayenga yeki ukubukela umabona kude. Kuze kube yiloo mini, ubomi bethu babungazange bilawulwe zizibane nezitovu kunye nezinto eziluncedo oza nazo umbane. Kwade kwafika olwasuku ukutya sikupheka ekhitshini elingaphandle. Sasinezibane zokukhanyisa kwaye sisebenzisa izotoviu zeparafini ukubilisa amanzi ethu.
Iti yayiba mnandi, ipapa ivuthwe ngokukhawuleza, kwaye inkukhu yekhitshi langaphandle ayithelekiswa nanto. Kodwa kwakungoko, kwaye akufanelekanga sinyanzeliswe ukuba sibuyele kumaxesha amandulo ngenxa yokuba uEskom akakwazi kuzigcina izibane zilayitiwe.
Ndithi ndakujonga ngasemva kuloo maxesha ngothando nothando, ndibone ukuba yiloo nto ebekufanele ukuba yiyo. Ezi ziinkumbulo zikamama kunye nathi, nendlela esihambe ngayo singabantu. Ayiyoncwadi yemigaqo yokuphila ngonyaka ka2023.
Umfanekiso ongasentla: Ngaphambi kokufika kwezitovu zokubhaka neemicrowaves, ukutya kwethu kwkakuphekwa kwisitovu saphandle
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Thabiso Sekhula