Umseki weGenerations uphawula ngokugxothwa kuka Ngema kulomdlalo

Ngu Bathandwa Ndlangisa

Umseki womboniso iGeneration uMfundi Vundla uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa kudliwano ndlebe olukhethekile ukuba uMusa Ngema ugxothwe ngenxa “yokuphela kobudlelwane”. 

“Akukho lula ukwenza isigqibo esifana nesi, kodwa ngamanye amaxesha kubalulekile,” utshilo uVundla. 

“Besele kulithuba kukhona iingxaki esinazo noMusa, kwaye emva kwenzame eziliqela zokuzama ukusombulula ezingxaki, kuye kwacaca ukuba eyona ndlela ifanelekileyo yokulungisa kukuba sohlukane.” 

UVundla uthe isigqibo sokukhulula uMusa Ngema obedlala indawo kaMazwi Moroka kwiGenerations: The Legacy, khange ithathwe kancinci kodwa ngenxa yokuba bezikhona iingxaki phakathi kukaNgema nabanye abalinganiswa kunye nabasebenzi becandelo loshicilelo. 

Samsung Galaxy 14G

UVundla uthi esisigqibo sithathwe kujongwe eyonanto izakubangcono kulomdlalo lamabona kude, kwaye yonke inkqubo yacwangciswa inyanga eziliqela ngaphambi kokuba ipapashwe. 

“Bekukudala sibamba iingxoxo kwaye uMusa ubesazi ukuba oku kungenzeka.” 

Uthe bebefuna ukuqinisekisa ukuba lenkqubo ayinamkhethe kwaye akukhonto ifihlwayo kwaye uMusa ubenolwazi olucacileyo malunga nento eyenzekayo. 

Nangona ikhona imiceli mngeni ebangelwe kuku hamba kuka Ngema, uVundla ugxininisile ukuba umdlalo wona uyaqhuba. 

“Sineqela elisebenzayo. Siqinisekile ukuba sizakuqhuba nokunikezela umdlalo okwinqanaba eliphezulu kubabukeli njengoko belindele oko,” utshilo. 

“Sinezicwangciso zokuqinisekisa ukuba olutshintsho lwenzeka ngendlela engaphazamisiyo kwaye umdlalo usala uqhuba ngempumelelo.” 

UNgema wazimanya neGenerations: The Legacy ngonyaka ka2018, ngexesha apho abalinganiswa abadala bathi banqunyanyiswa kwangena abatsha. 

Lomlinganiswa uneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ebeyintandane kubabukeli, usalindeleke ukuba aveze elakhe icala malunga nokushiya kwakhe kulomdlalo, kwaye ziphanze zonke inzame ezenziwe liqonga iScrolla.Africa lizama ukuthetha naye. 

Umfanekiso ongesentla: UMusa Ngema ophumileyo kumdlalo iGenerations the Legacy 

Imvelaphi yomfanekiso: Usuka kwingqokelela yobugcisa