
Ngu Zukile Majova
Umongameli uCyril Ramaphosa akangosopolitiki nje uqhelekileyo.
Akayiyo inkokeli ethe yafikelela phezulu ngobuqhetseba kunye neendlela zokukhohlisa.
Ubungangansha bukaRamaphosa kwilizwe elimfiliba lezopolitiko zeANC ibe ludumo lwakhe.
Umceli mngeni wokunqongophala kwezamandla kuMzantsi Afrika butshintshe yonke into. Ayikho into eyakhe yanciphisa ukuthenjwa kwakhe, ingekho ezakuohinde ibekho ukodlula le yengxaki zokunqongophala kwamamndla okuvelisa umbane, kwilifa lakhe liphela.
Njengoko ilizwe belijamelene nesigaba sesithandathui sokucinywa kombane iveki yonke, uphando olwenziwe ngamaqumrhu ababini ophando lubonakalisa ukuba, ukuvunywa kwakhe ngabemi beli kwehle kusuka kumyinge ka 49% kwaya kutsho ku40% kwezinyanga zisibhozo zidlulileyo.
Naphakathi kwabavoti beANC, umyinge wokwamkelwa kwakhe kuhlile, kwehle kusuka kumyinke ka66% kwaya kutsho ku59%.
Wachongwa nguNelson Mandela ukuba abe ngumongameli ozayo kweli, igama likaRamaphosa kudala labakufutshane neentliziyo zabemi boMzantsi Afrika ukusukela embindini weminyaka yo1990.
Kodwa ngaphambi koko wafumana intlonipho njengenkokheli yemibutho yabasebenzi eyanceda ukuphelisa uqhankqalazo olwalithatha ixesha elide kwaye lubangela inkcitho emigodini, wakwazi ukufumana izisombululo kwingxabano zabasebenzi ngokuhlala kwisithebe seengxoxo kufunyanwe isisombululo.
Inkokheli kwezoshishino bezilithembile ilizwilakhe kunye nendlela akwazi ngayo ukutshintsha amawaka waka abasebenzi abavutha ngumsindo ukuba baxhase inkqubo yeengxo ukufumana isivumelwano malunga nemicelimingeni kwindawo zokusebenza.
Ngexesha ekwakuqhuba iingxoxo kunye nokumiliselwa komgaqo siseko weli, uRoelf Meyer owayekhokhele inkokheli zombutho iNational Party, wamchaza njengomntu olungileyo kodwa “owomelele okwesikhonkwane xakuyiwa kwingxoxo”.
Ngako ke wathi urhulumente kaJacob Zama xa ufuna indoda ethandwa ngabantu, ehlonitshwa ngoosomashishini, bathatha uRamaphosa bamenza usekela mongameli; inkokheli kushishino lukarhulumente.
Umbutho we ANC wawukweyona ndawo yokuba ethe ethe emva kweminyaka eluthoba yokutyhuthulwa kutyiwe nemali yombuso kunye namaqumrhu karhulumente, uRamaphosa waluphumelela unyulo lonyaka ka2019 ephumelelisa umbutho weANC.
Abantu bavotela uRamaphosa, hayi umbutho weANC kolwa vote.
Udumo lokufika kwenkokheli elandela imigaqo nkqubo kwaye engahambiselaniyo nezakutsutshisa abarhwaphilizi kwaphumelela ezintliziyweni nasezingqondweni zabavoti.
Nangona wayejonge ukulwa norhwaphilizo kwaye waxhasa ikomishoni eyayiphanda ukubanjwa kombuso weli ngobhongwana eyathi yavelisa elubala amaqabane eANC esebenzisa gwenxa nawazityhuthulelayo kwimali engaphezu kweR1 trillion, sekunexesha isidima sikaRamaphosa similar.
Kwathi xa amaqabane ombutho wakhe esiba iibillioni zeeRandi ezazifanele ukuthenga amachiza okusindisa iimpilo zoluntu ngelona xesha elalilibi lokuqhambuka kobhubhane weCovid-19, kwaba sisidima sikaRamaphosa esabekelwa phantsi nangakumbi.
Kwaba yimeko efanayo naxa kwakuqhambuka iindaba zokuba kungenzeka waba nendima ayidlalileyo ukufihla ukwebiwa kwemali kwifama yakhe iPhala Phala, apho amasela abaleka nemali engaphezu kwe$580, 000.
Njengoko kukhona imiceli mingeni kwaEskom, kukhangeleka esohluleka ukuthibaza umthelela kasihlalo wombutho weANC ongumphathiswa wesebe lezimbiwa namandla uGwede Mantashe, owamncedayo wakwazi ukuphumelela kwinkomfa yombutho weANC eNasrec ngenyanga yoMnga.
UMantashe kunye nomphathiswa wamaqumrhu karhulumente uPravin Gordhan, bayalikhusela icandelo lemveliso yamalahle kwaye baxolele konke ukunceda uMzantsi Afrika uvelise ezinye izicwangcwiso zokuvelisa amandla.
Ngomnye wemiceli mingeni edinga umongameli owomeleleyo kwaye uRamaphosa wohlulekile.
Umfanekiso ongasentla: Inkxaso kaRamaphosa ihle yayakutsho ku40.7% isuka ku49% kwinyanga njeezisibhozo.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter