Intlanganiso ekhawulezileyo ayifumananga sisombululo kwinkqubo yokucinywa kombane 

Ngu Zukile Majova

Emva kweveki yonke yesigaba sesithandathu sokucinywa kombane, akukabikho cebo likhawulezayo ukuhlangula eli kwingxuba kaxaka kacimi-cimi wombane. 

Umongameli uCyril Ramaphosa ubekhokhele intlanganiso ekhawulezileyo yesigqeba sakhe ngobusuku bangolwesithathu kodwa khange baphume nasisombululo sikhawulezayo.  

Lentlanganiso igqibe kwelokuba ithumele umphathiswa wezombane uKgosientsho Ramokgopa ukuba ayekufumana ulwazi oluphangaleleyo malunga nengxaki ezambethe izikhululo zokuphehle umbane zakwaEskom. 

Uchithe inyanga yakhe yokuqala endwendwela zonke, zolushumi elinesihlanu izikhululo zokuphehla umbane kweli, ethethathethana nomanejala kunye nabasebenzi. 

URamokgopa wothule ingxelo ephangaleleyo nalunga nakufumanise kutyelelo lwakhe, nalapho aye wamemelela ukuba zimiswe izicwangcwiso zokuvalwa kwezikhululo esele zifikelele ekugqibeleni kwexesha lazo lokuvelisa umbane.  

Izicwangcwiso ezintsha ezothulwe kwikomiti elawulayo yombutho weANC kukuba kuthiwe xha, ngokuvalwa kwezikhululo iHendrina neArnot eziseMpumalanga.  

IHendrina esele ivale uninzi lwe unithi zaso ezindala, kulindelele ukuba ivalwe ngokupheleleyo ngonyaka ka2025. 

Ngelixa iArnot ilindeleke ukuba ivalwe ngonyaka ka2029. 

Isithethi esibambeleyo kurhulumente weli uMicheal Currin uthe umongameli uzakukhokhela intlanganiso yekomiti ka zwelonke ejongene nekushokoxeka kwamandla kweli ngkukhawuleza.  

“Siyazazi ngokupheleleyo ezinye zeengxaki esijamelene nazo. Kufuneka kujongisiwe kabanzi ezonandawo kunokwenziwa ungenelelo olukhawulezayo kunye nongenelelo lwexesha elifutshane.” 

Oku kuza kanye enva kweveki kugqugqisa esona sigaba sipjhezulu sokucinywa kombane esityabula uqoqosho lweli imali efikelele kuR1 billion ngosuku. 

Njengoko kutshintsha isisini kungena ubusika, uEskom utyikitye eyonamfuneko inkulu yokusetyenziswa kombane ngobusuku bangoLwesithathu, apho imvuneko yombane iqabele yayakutshi ngaphezu kuka33,300 MW. 

Nto leyo ithetha ukuba uEskom udinga amandla ombane afikelele ku7,000MW ukuze ukwazi ukuphelisa lomjikelo wokucinywa kombane.  

Ngokwendlela odingeka ngayo umbane, umahluko phakathi kwamandla okuvelisa umbane akhoyo kunye nombane edingekayo ulindfeleke ukuba ufikelele ku 10,000 MW olingana nesigaba seshumi sokucinywa kombane ngeenyanga zasebusika.  

Ukungathembakali kwesikhululo senuclear power iKoeberg eseKapa, esele ilahlekelwe yimveliso kwiyunithi zayo zombini kubangele ukusilela kwamandla ombane okubalelwa ku1,900MW, kwaye kubangele ukuba sithathe ixesha elide isigaba sesithandathu sokucinywa kombane. 

Elizwe loMzantsi Afrika oko litshila ngesigaba sesihlanu nesesithandathu sokucinywa kombane, nalapho uEskom eqinisekisile ukuba oku kuzakihlala kunje “de kukhutshwe isibhengezo”esisesinye.  

Kwiveki ezimbini ezidlulileyo urhulumente uyiqumamisile imeko yentlekele kazwelonke ebeyimilisele mgenyanga yoMdumba, ngelilithi wanelisekile ukuba uEskom ufumene inkxaso eyoneleyo ukuba akwazi ukuzinzisa unikezelo lwamandla.  

“URhulumemente umilisele imigaqo nkqubo eliqela ebonakalisa uxandukla lwamaqumrhu ohlukeneyo karhulumente kwinzame zokunqanda iziphumo ezibi zenkqubo yokucinywa kombane, ukunqanda ukunqongophala okuqhubayo kwamandla ombane kunye nokunqumamisa imeko yentlekele kuzwelonke,” itshilo imbalelwano ekhutshwe ngurhulumente weli.