Abahlali belokishi yaseSmarties bapheke iqhinga lokulwa ulwaphulo mthetho 

Ngu Buziwe Nocuze

Abahlali baseSmarties eMfuleni eKapa bavale iindawo zokungena nezokuphuma kwingingqi yabo ukulwa ulwaphulo-mthetho oluthwaxa uluntu lwalommandla. 

Kwiveki ephelileyo basebenzise imibhobho, amatye nesanti ukuvala iindlela. Ukusukela ngoko, abahambi ngeenyawo bebekhululekile ukuba bangene kwaye baphume, kodwa iimoto zivaliwe ekubeni ziqhutywe kuyo yonke indawo. 

Isigqibo sokuvala iindlela senziwe emva kokuba uluntu luzibone lungamaxhoba olwaphulo-mthetho olunobundlobongela ezandleni zabaphuli-mthetho abangena bephuma lula kulendawo ngenxa yeendawo ezininzi zokuphuma nokungena. 

USiyolise Dumashe uthi udibane namadoda amathathu akhwele kwiAvanza emhlophe ezenza ngathi alahlekile kwaye akhangela umhlobo wawo kulendawo. 

Samsung Galaxy 14G

Uthi: “Ndabaxelela ukuba andizange ndeva umntu onegama elinje.” 

Kuthe ekuhambeni kwexesha xa ebuya evenkileni zabe sele zimlindile nale Avanza izigebenga zathatha yonke into endlini yakhe nditsho nenyama ekwi microwave. 

U-Anele Mkhontwana wakhuthuzwa esendleleni eya emsebenzini ngamadoda amabini awayemlandela. 

“Ndiyiqaphele imoto imisa ecaleni kwenye yezindlu kodwa andizange ndicinge ukuba ngoo nqevu de babe bayandilandela,” utshilo. 

Bamphuca umnxeba wakhe kwaye akazange akwazi ukulwa kuba babenemipu. 

“Ukuvalwa kwezitrato kuphela kwendlela yokusikhusela kootsotsi. Ngoku bazakusebenzisa isango elinye ukungena nokuphuma.” 

Uceba uMongezi Madikane uyayivuma ingozi ejongene noluntu. 

“Abahlali kudala bexela ngengozi abakuyo ngendawo ezininzi zokuphuma nokungena kwaye ndiye ndacebisa ukuba baqale iqumrhu lokhuseleko lwengingqi njengoko ndingenalo ilungelo lokubanika imvume yokuya phambili noku,” utshilo uMadikane. 

Isithethi seSAPS eNtshona Kapa uLieutenant Colonel Malcolm Pojie ulumkise ngelithi ukuvalwa kweendlela ngokungekho mthethweni nokuphathwa kweziseko ezingundoqo ezingezizo ezabo kungenza babe netyala. 

“Sibongoza uluntu ukuba lungazithatheli umthetho ezandleni zalo kodwa luxele kwabasemagunyeni,” utshilo. 

“Sikhuthaza amalungu oluntu ukuba athathe inxaxheba ngokumilisela ekuhlaleni imibutho yamapolisa efana ne-CPF, amaqumrhu alwisana  nolwaphulo-mthetho kwicandelo nasekuhlaleni, amaqumrhu angena ngeniso apho banokuba negalelo kukhuseleko loluntu lwabo,” utshilo 

Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseSmartie eKapa banethemba lokuba ukuvalwa kwezinye iindawo zokungena nokuphuma kule lokishi kuzakwenza kubelula ukubabamba abophuli mthetho.  

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze