Ziqinisekisa ucoceko iziphanda mandla kwezothutho eNjoli, eGqeberha

Ngu Anita Dangazele

Eyona nto ithi qatha engqondweni kubantu abaninzi xa uthetha “ngeNjoli Taxi ramk”: livumba elibi legazi, umchamo kunye nenkukuma ebolileyo. Kongeze umbono wentsiba zenkuku ezigcwele yonke indawo. 

Kodwa konke oku kuzakutshintsha njengoko bekubanjwe iphulo lokucoca ngumbutho wezithuthi zikawonke wonke Uncedo Taxi Association esebenzisana nomasipala iNelson Mandela Bay. 

Ngentseni yangoLwesithathu, abaqhubi beetaxi, abathengisi bebephume ngendlu ukuya kuphulaphula amagosa kamasipala ethetha ngococeko lwendawo zasesidlangalalemi. Bafundiswe ngokubaluleka kokugcina indawo abakuyo icocekile.  

ELiphulo lokucoca liphenjelelwe luthetha thethwano phakathi komasipala, Uncedo Taxi association kunye nabathengisi abathengisa kuleranki, abakhweli kunye nabahlali abaxhalabileyo. Injongo kukufumana izosombululo zexesha elide kunye nokuphelisa ukulahlwa kwenkukuma okungekho mthethweni phakathi kwezinto ezixhalabisayo ngaleranki.  

Samsung Galaxy 14G

UNtombikhona Tyumre oneminyaka engamshumi amathathu anesixhenxe, onendawo yokuthengisa ukutya eNjoli Square uthe ezinye zengxaki ezingundoqo abajamelene nazo njengabathengisi kukungabina manzi, umbane kunye neendawo zokucoca. 

“Asinamamzi kulendawo, kukhona umbhobho ogqabhukileyo ovuza amanzi ngapha kwendlela, kulapho sikha khona amanzi. Kwaye awukho nombane erankini ngako ke abanye abantu babhenele ekubeni baxhume umbane ngokungekho mthethweni ukuze bapheke. 

“Ivumba elikulendawo alinyamezeleki, kuba asinazo iingxowa zokugcina inkukuma. Amagosa kamasipala ayazithengisa endaweni yokuba basinike simahla.” 

UTyumre wongeze ngelithi izindlu zangasese zikamasipala zivalwa ngentsimbi yesihlanu emalanga, nto leyo ibanyanzelisa ukuba bazikhulule naphina apho babona benokwenza njalo, yilonto kukhona ivumba elibi kuleranki. 

Unobhala wequmrhu lakwaNcedo kummandla iNMB uKhanyile Royi uthe eliqumrhu lonwabile ukubona kukhona umsebenzi owenziwayo ukutshintsha inkangeleko yendawo yaseNjoli. 

“Ukulahlwa kwenkukuma ngokungekho mthethweni yingxaki enkulu, kwaye umasipala akaqali ukucoca le ndawo kodwa abantu baphinde balahla kwakhona,” utshilo uRoyi. 

Ngentseni, iqonga leendaba iScrolla.Africa lifike  kule ranki omnye umhlali ebanjiwe ngokulahla inkukuma kwindawo egqitywa kucocwa.  

Xa ebuzwa umasipala ukuba uzakubohlwaya njani abantu abalahla inkukuma ngoku ngekho mthethweni, wathi oku bakuyekela ezandleni ezifanelekileyo zabaqhubi bezithuthi zika wonke wonke njengoko besaziwa ngokungafuni zinto ziphambukayo endleleni.  

Ilungu lesigqeba sika sodolophu uThsonono Buyeye uthe:”Sakhe ubudlelwane bentsebenziswano kunye nequmrhu Uncedo Taxi Associatiom njengabona bathathi nxaxheba baphambili kuleranki kunye nabathengisi. Siyayazi ukuba amanina azenzela ingeniso ngokuthengisa apha, kodwa inyaniso yeyokuba livumba elisuka kwinkuku abazithengisayo, igazi kwanokunye ukungcola okwenza lendawo ingakhuseleki ngokwempilo ukuba kusetyenzelwe kuyo nguye wonke umntu . 

“Kukwakhona nengxaki yokulahlwa kwenkukuma ngokungekho mthethweni, esizakuqubisana nayo ngokufundisa uluntu yonke leveki. Kuzakuziswa izixhobo kubathengisi abasebenza kulendawo ukuqinisekisa ukuba imeko ayiphindeli kundalashe.” 

Umfanekiso ongasentla:Ilungu lesigqeba sikasodolophu womasipala iNMBM elijingene nempilo yaseshidlangalaleni uTshonono Buyeye kunye nomlawuli wecandelo lempilo yasesidlangalaleni uSizwe Mvunelo bechola inkukuma.  

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Anita Dangazele