Kubanjwe isidlwengu ngokudlwengula amanina angamashumi amathathu anesithandathu 

Ngu Everson Luhanga

Umrhanelwa otyholwa ngokuba sisidlwengu esigqugqisayo eBenoni, eDaveyton kunye naseTembisa ubekwa amatyala alikhulu namashumi amane anesihlanu okudlwengula emva kokuhlasela amanina angamashumi amathathu anesithandathu kwezilokishi.  

Ukwajamelene netyala lokunyanzelisa umntu ukuba abukele esabelana ngesondo. 

Isithethi segunyabantu lezotshutshiso kummandla waseRhawutini uLumka Mahanjana uthe umrhanelwa otyholwa ngokuba sisidlwengu esigqugqise eBenoni naseTembisa besivele phambi kwenkundla kamantyi eDaveyton ngoLwesibini. 

UMahanjana uthe lendoda ineminyaka engamashumi amathathu anesibhozo, eyayiqeshwe njengonogada wakwaPrasa, ijamelene namatyala alikhulu namashumi amathathu anethoba ongezelelweyo ukusukela kwisithandathu awayebekwa sona ngexesha awayevele okokuqala kulenkeundla nyeyoMqungu kulonyaka ka2023. 

“Ujamelene namatyala okudlwengula azizihlandlo ezingamashumi amane anesine, izihlandlo ezingamashumi amane anesithathu zokuthumba, izihlandlo ezingamashumi amane ananye zokukhomba ngompu kunye nezinye ezongezelelweyo ezilishumi elinesixhenxe zobuqhophololo, ukuba ngumqobo kubulungiswa kunye nokunyanzela umntu abukele isenzo sokwabelana ngesondo,” utshilo.  

UMahanjana uthe umrhanelwa wadlwengula amanina angamashumi amathathu anesithandathu kwimimandla yaseBenoni, eTembisa naseDaveyton ukusukela ngonyaka ka2018 ukuya ngeyoMqungu ngonyaka ka2023, uthe wabanjwa kwelityeli.  

“Elona xhoba lincinci lalineminyaka elishumi elinesine, ngelixa elona lidala yayilinina elineminyaka engamashumi amathathu anesithathu.” 

UMahanjane wongeze ngelithi umrhanelwa lo wayecupha amaxhoba akhe xa egoduka, esiya emsebenzini okanye elindelele itaxi. 

Uthe umrhanelwa wayebathumba ebakhombe ngompu, abanyanzelise ukuba bangene kwisithuthi sakhe, aqhube aye kufika kwindawo apho wayebadlwengulela kuyo.  

“Umtyholwa wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yoMqungu kulonyaka ka2023, ngokusetyenziswa kophando oluhlakaniphileyo lwenkonzo yesipilisa. 

Ityala lakhe lirhoxiselwe umhla weshumi kwinyanga kaCanzibe kunyanka ka 2023, apho azakube efaka isicelo sebheyile ngokusesikweni.