Bakhalazela imivuzo nokulaxazwa abasebenza ezindleleni zephondo leMpuma Kapa

Ngu Songeziwe Mapukata

Uninzi lwabasebenzi abacoca iindlela zephondo leMpuma Kapa bathi banyanzeleke ukuba baphile kwimeko ezingaginyisi mathe kwezinyanga zisixhenxe zidlulileyo, kungekho manzi acocekileyo okanye izindlu zangasese ezisebenzayo.  

Ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo, umqeshi wabo – olisebe lezothutho – wayeka ukubahlawula imali yesibonelelo engamawaka amathandathu eeRandi abayihlawulwa inyanga nenyanga eyenza imivuzo yabo ibeyencumisayo.  

Aba ngabasebenzi abalungisa iindlela, bacheba ingca, basusa imithi kufuphi nendlela bavula imibhobho evalekileyo ahambisa amanzi ezindleleni zephondo.  

Bahlala kwintente kufutshane nedolophu abasebenza kuzo, nto leyo ibalulekileyo ukuba bafumane imali yesibonelelo sokuhlala ezintenteni esixabisa ikhulu namashumi alithoba anesixhenxe eeRandi ngosuku.  

Samsung Galaxy 14G

Ekuhlaleni baziwa “ngo nontente”, banyamezela ingqatsini yelanga nemvula ezina ngamandla ehlotyeni, baphinde banyamezele imozulu ebanda kunene ebusika kwezintente bahlala kuzo, bekhuthazwa yilemali yesibonelelo. 

Kodwa kwezinyanga zisixhenxe zidlulileyo, urhulumente ubahlawula imali engaphelelanga. 

Ababasebenzi baxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba umbuso ubatyala imali ephakathi kwamawaka angamashumi amabini eeRandi ukuya kumawaka angamashumi amane eeRandi.  

Bathi ngaphandle kwemali yesibonelelo, imivuzo yabo incinane kakhulu. 

Umsebenzi nje, uhlawulwa iR7000 ngenyanga, umqhubi ahlawulwe iR12 000 ngelixa umqhubi kaGandaganda ehlawulwa iR13,500. 

Ukusukela ngonyaka ka2021 abasebenzi basiwa kwinkampu ezohlukeneyo ukusukela KwaMdingi eQonce, eSturtterheim, ePeddie kunye naseKids Beach. 

UWandisile Mkaliphi ongomnye wababasebenzi uthe imeko eziyiyo ezinkampu “ayinyamezeleki”. 

UMKhaliphi uthi akukho zindlu zangasese zisemgangathweni kwaye namanzi acocekileyo awekho. 

“Sisela amanzi asuka emadamini nezilwanyana ukuze siphile,” utshilo.  

Basebenzisa iiloli ezindala ezingasenazo ingcango zokubakhusela, okanye itarilera kwaye banyanzeleka ukuba baziqhube imigama emide zibe zingakulungelanga ukuba sendleleni.  

Nangona benezizikhalazo, ababasebenzi bavuka imihla nezolo besingise emsebenzini kuzo zonke ezinyanga zisixhenxe.  

Ababasebenzi bathe bazama ukucwangcisa intlanganiso nentloko yesebe lezothutho yephondo uMzilindile Mafani ukuze bathethe kabanzi ngezikhalazo zabo. Noxa kunjalo wohluleka ukuzakubo aze kwamkela uxwebhu lwabo lwezikhalazo. 

Isithethi sesebe lezothutho uUnathi Bhinqose uqinisekisile ukuba lenyewe iphambi kwekomishoni yoxolelwaniso nokulamla ukungavisisani phakathi komsebenzi nomqeshi iCCMA ngamafuphi. 

Nangona kungekho mkhombandlela wokuba oku kuzakufikelela esiphelweni, ababasebenzi abanayo enye indlela ngaphandle kokuba balindlele usuku lwabo loviwo eCCMA. Banethemba lokuba nokuba ekugqibeleni ukhona umntu kwisebe lezothutho ozakubaphatha ngendlela enesidima esibafaneleyo. 

Umfanekiso ongasentla: Enye yezindlu ezihlala oonontente 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe