
Ngu Thabiso Sekhula
Abemi boMzantsi Afrika abakwazi kungamthandi uZolile Sekeleni, ongutata woGqr ohlazeklileyo uNandipha Magudumana.
Iqabane lokuqina lika Thabo Bester labanjwa kunye naye eTanzania emva kokushiya kweli besebenzisa impepha zokutyelela zabanye abantu kunye nezazisi zobuqhophololo, beshiya imizimba yabantu abangaziwayo ngasemva.
Elityala lipapashwe kunene ngamaqonga eendaba, linike ababukeli ithuba lokuzibonela konke okuqhubekayo kulo kunye nemigudu ekubangwa ngokuba “yenzelwe uNetflix”.
Usekeleni waqala wabekwa ityala lokubulala indoda eyafunyanwa itshile kwigumbi lika Bester entolongweni ngobusuku awaqhwesha ngabo. Noxakunjalo, elityala sele lirhoxisiwe.
Ngoku kuvele icala elothusayo kutata ka Magudumana oneminyka anengamshumi amathandathu anesihlanu. Ubonakala ethuthuzela intombi yakhe eyinika nesikhokhelo nangona bekwimeko engathandekiyo ukuba ukuba intombi ingabandakanya uyise wayo.
USekeleni ubonakele amatyeli aliqela kushicilelo lwemiboniso yasenkundleni exelele intombi yakhe ngexesha ekufuneka isukume ngalo, okanye ihlale phantsi, eyibambe ngengalo ngohlobo olubonakalisa inkxaso emana embuza ukuba uziva elungile kusini na.
Kwaye inye into ethandwa ngabemi beMzantsi Afrika, utata onothando nokuba kuphantsi kweyiphi imeko abeliqhawe.
USekeleni wakhutshwa eziseleni ngebheyile yeshumi lamawaka eeRandi, ngokubandakanyeka kwakhe kwiyelenqe lokweqa kwintolongo yaseMangaung kuka Bester ngonyaka ka2022.
UBester noMagudumana babizwa ngoBonnie no Clyde. Bebephila ubomi obuphezulu emva kokweqa kweli, besiya kwiholide zobukhazi khazi, bethenga iimpahla kwaye bebamba iindibano zolonwabo ezikwisigaba esiphezulu besebenzisa iinkampani ezobuqhophololo kwaye ezingekhoyo.
Njengoko kungekho nkcaza icacileyo malunga nokuba kwenzeke ntoni kanye kanye, abantu bayabuza ukuba ingenzekana intoyokuban uGqr Nandipha abe ungomnye wamaxhoba ka Bester, okanye nguGqirha onoburhalarhume obesaki kamhlophe ukuba wenza ntobi.
Imifanekiso yalogqirha ngosuku awayetshata ngalo nomyeni wakhe uMkhuseli Magudumana zithe ndii kumakhasi ezonxibelelwano.
Ugqr Magudumana usasebenzisa lefani, nangona ebanga ngelithi uBester wayihlawula ilobola yakhe.
Kukhangeleka ngathi uthando lwenene logqirha alufumene kutata wakhe ngelixesha lifutshanana bevele kunye enkundleni luthe lwagqama.
Kukhangeleka ngathi lotata angenza nantoni na ayenzela umntwana wakhe – kwaye usabona intonjazanana encinci yakhe.
Umfanekiso ongasentla: UZolile Sekeleni kunye nentombi yakhe
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter.