UMbutho weANC wenza luqilima ubudlelwane ujonge ukufumana iivoti

Ngu Celani Sikhakhane

Umbutho weANC uguqula ikhasi kwiphondo laKwaZulu-Natal, njengoko kusondele unyulo luka2024, lombutho uzama konke ukuqinisa ubudlelwane phakathi kwawo kunye namaqela wabo bathandana besisini esinye.


Ukunxanelwa abavoti kwiphondo laKwaZulu-Natal kubangele ukuba umbutho weANC wamkele amaqela weLGBTQI+, ngokuhambiselana nezimvo zoluntu.


Lombutho ukukhuphiswano olunzima ukufumana ulawulo lwezopolitiko kwelaphondo, emva kokuvuka kombutho weIFP osele ulawula oomasipala abangamashumi amabini anethoba kubukumkani bamaZulu.


Njengoko usabambelele kulawulo lwengingqi yaseThekwini, nangona iphuncuka iKZN, iANC ibhenele kumaqumrhu eLGBTQI+ kunye neenkokheli zemveli ukwakha ubudlelwane nentsebenziswano ebalulekileyo.


Ngethuba kubanjwe indibano yokunqulunqa iindlela zokutsala iivoti kwibala lemidlalo laseThekwini iMoses Mabhida, iANC kwingingqi yaseThekwini ixoxe ngendlela abanokuwuhlangula ngayo lombutho ungaphulukani neevoti kunyulo lonyaka ka2024 zithathwa ngumbutho we-IFP.


Unobhala wesebe lalombutho iS’miso Nkwanyana Branch yaseThekwini, uchaze ngelithi iinkokheli zemveli kunye nabantu abaphantsi kwamaqumrhu eLGBTQI+ ngabantu abavotayo engenokwazi ukuba iphulukane neevoti zabo iANC.


“Kufuneka sisondele kuluntu lwe-LGBTQ kuba ngoku babalekela kumbutho weDA apho bafike banikwe ingqalelo,” utshilo uSibiya.


Umbutho weANC ujamelene nemiceli mngeni emikhulu njengoko inkokheli zikarhulumente zithe gqolo ukusilela ukusebenzisa ngendlela efanelelikeyo imali yonikezelo ngenkonzo eziya eluntwini. Le ngxaki, idibene nelahleko yeevoti ezingamawaka angamakhulu amathandathu namashumi alutho eThekwini kuphela, zibangele inkxalabo.


Umbutho weIFP ubalulwe njengowona uhamba phambili ukubangela intloko ezibuhlungu, kwaye inkokheli zeAMC ziyavuma ukuba umbutho weEFF, osebenzisana nawo kurhulumento lwamaqela aphikisayo ayisebenzi ngokuncomekayo kwaphela.


Unobhala wommamdla waseThekwini uMusa Ncini uzibophelele ukuba uzakunika ingqalelo ukuhanjiswa kweenkonzo kunye nenkokheli zemveli, njengoko benenkokheli zemveli ezilishumi elinesixhenxe.


Ukanti umbutho weANC ukubalule njengokubalulekileyo ukufumana abantu beLGBTQI+ abasoloko bebhenela kumbutho weDA xa befuna inkxaso.


UNtuthuko Jomo SIbiya ugxininise ukuba abantu beLGBTQI+ kufuneka banikwe ingqalelo kwaye iANC kufuneka ithetha thethane nabo.


Njengoko iliwa libhek’ umoya kumbutho weANC, ezintsebenziswano zingaza nempumelelo yalombutho kunyulo oluzayo.


Umfanekiso ongasentla: Umngcelele weDurban Pride
Imvelaphi yomfamekiso: @Discover_SAA