
Ngu Anita Dangazele
Uqhushumbo lwesikhululo sombane esincinane esezinze kwindawo yoshishino iCoega Industrial Development Zone ngenyanga yoKwindla, lukhokhele ekubeni kunqunyanyiswe abasebenzi becandelo lombane namandla kumasipala iNelson Mandela Bay.
Oluqhushumbo lwashiya imimandla ethile kwesisixeko isebumnyameni, yabangela ukushokoxeka kwamanzi kwaye lwabanegalelo kwimeko egqubayo yokunqongophala kwamanzi. IIndleko zalomonakalo ziqikelelwa kumashumi amane zigidi zeeRandi.
Ngokokutsho kweziphathamandla zesixeko, unyawo lwemfene lwalurhanelwa zibekwa njengoko kwafunyaniswa ubungqina bokungena ngenkani kwesisikhululo sincinci sokuvelisa umbane. Oku kukhokelele kuphando okubangele umanejala wesixeko uNoxolo Nqwazi angachithi xesha ukulola izembe anqumamise ababasebenzi becandelo lamandla nombane kulomasipala.
Akuphelelanga apho. Usodolophu walomasipala uRietief Odendaal ubhengeze ukuba esi ingaba sisiqalo sokubhentsisa ubuqhophololo okugubungele lomasipala.
“Sikholelwa ukuba sisecicini lokufumanisa sidize olona rhwaphilizo lukhulu kwimvelaphi yemisebenzi karhulumente, ekunokwenzeka ukuba sele lutyabule izigidi ngezigidi zeeRandi koovimba besisixeko kuleminyaka idlulileyo,” utshilo uOdendaal ebonakala enolangazelelo olukhulu.
Iziphumo zophando lokuqala zinikezelwe kwicandelo elikhethekileyo lophando kunye nebutho lookhetshe ukuba ziphande ulwaphulo mthetho.
Njengoko isixeko sishiyeke sijongene nomonakalo obangelwe loluqhushumbo, abahlali bothukile kwaye banomsindo. Imimandla emininzi yaseGqeberha kuquka ilokishi yaseMotherwell yashiyeka ingena mbane, nto leyo yabangela uphazamiseko olumandla kwimpilo yemihla ngemihla kunye nokusebenza kwamashishini kulendawo yemveliso.
Njengoko kubonakala zehlile izibilini, umbuzo ohleliyo ngowokuba senzeke njani sisiganeko esifana nesi kwaye ngubani oxhuzula imikhala ezimele kwesisiganeko. Igalelo elibi elibangelwe kukuqhushumba kunye nomonakalo oquka iindleko ezidodobalisa esisixeko zezona zinto zihamba phambili ezinokubalulwa.
Umfanekiso ongasentla: Usodolophu womasipala iNMB uRetief Odendaal kunye nentloko yecandleo lamandla nombane uLance Grootboom.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.