
Ngu Buziwe Nocuze
Xa ujonge ngeliso lenyama soze ulibone ixabiso lalomhlaba, kodwa elithafa likufuphi nesikhululo sebhasi iStock Road eKapa lijike lalibala lemfazwe.
Isikolo solwaluko, igquba labahlali bamatyotyombe abangenandawo kunye noEskom bonke bajonge ulawulo lwalomhlaba.
Kabini ngonyaka, elihlathana likwiMpuma yasePhilippi lisetyenziselwa ukungenisa amakhwenkwe kwisikolo solwaluko. Kwaye abahlali beMpuma yasePhilippi bayithanda ihlale injalo.
Kona kona lomhlaba ngowenkampani yakwaEskom, eceba ukwakha isikhululo esincinci sokuvelisa umbane.
Kuthe kwakuqhambuka abahlali abafuna ukwakha amatyotyombe kulomhlaba, iqumrhu elingenzi ngeniso iSomagwaza yasebenzisana nabahlali basePhilippi ukunqanda ukwakhiwa kwamatyotyombe ngokungekho mthethweni.
Umseki wequmrhu iSomagwaza uSikelela Zokufa uthe, lomhlaba kuphela kwendawo abanayo eseleyo abayisebenzisa njengesikolo solwaluko, kwaye inika umdla amakhwenkwe asuka eMpuma yasePhilippi nabasuka eGugulethu.
“Ukuba siyabavumela bakhe amatyotyombe abo ngokungekho mthethweni, asizubanayo enye indawo esizakuya kuyo. Sizakuphelelwa yindawo ekukuphela kwayo evulekileyo yokwalusa amakhwenkwe, ” utshilo uZokufa. ISomagwaza Institute iwusebenzisa lomhlaba ngexesha lase hlotyeni nasebusika.
“Intlonipho ihamba ibango elide. Ngosuku ekwakuthiwa bazokwakha ngalo amatyotyombe abo, sahlala nabo sabachazela ukuba kutheni singazubavumela bakhe kulandawo.”
Indaba yokwakhiwa kwesikhululo sakwaEskom ngomnye umba. UZokufa ukholelwa ukuba uEskom uzakusivumela isikolo solwaluko siqhube nokuba selakhiwe izikolabo.
Umanejala weprojekthi nentsebenziswano kwaEskom uMbulelo Mvana uthe iingxoxo kunye neliqumrhu kufuneka ziphothulwe ngaphambi kwenyanga yeSilimela ukufumana isicwangciso sexesha elide.
“Into ebulekileyo kukuba uEskom enze into elungileyo ukuhlangabezana nemimiselo yokusingqongileyo kunye nokulandela imithetho, utshilo – “yilonto ezingxoxo zingekaqukunjelwa neSomagwaza.
“Noxa kunjalo uEskom uyalihlonipha isiko lolwaluko kwaye ufuna ukufumana isisombululo sexesha elide kulenyewe ngokukhawuleza.”
Akukabikho zicwangciso malunga nabo bafuna ukwakha kulendawo, izicwangciso ezikhoyo zezika Eskom nequmrhu lolwaluko iSomagwaza institute. Noxa kunjalo, abahlali basaceba ukwakha kule ndawo njengoko besithi abanayo enye indawo yokwakha kuyo.
Omnye wababahlali ocele ukungadizwa, uligxeke iqumrhu leSomagwaza ebanga ngelithi alinamalungelo kulomhlaba kwaye kufuneka bagcine abakhwetha ezigadini zabo.
Umfanekiso ongasentla: ISomagazwa Institute kunye nabanye abahlali beye kumhlaba okufutshane nendlela iStock Road ukuwukhusela kubahlali abafuna ukwakha amatyotyombe ngokungekho mthethweni .
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze